Umbutho weqela lezopolitiko lamanina iUnited Democratic Movement Women’s Organisation(UDEMWO) awusamkelanga kwaphela isigwebo esiwiswe yinkundla kaMantyi ngakuAlutha Pasile. Lamanina athi uAlutha makangayinikwa kwaphela ingqawule kwisigwebo asinikiweyo nanjengoko uAluta Pasile(25) wanqunqa ebulala Nosicelo Mtebeni ngendlela engenalusini. Iminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25) kunye neminyaka elishumi(10) ayanelanga koko ifana nokuchwakaza umtu esandleni kodwa wenze isikizi elinje.
Eliqela lithi lomfana ebefanelwe sisigwebo sobomi hayi oku kwenziwe yinkundla. Usapho lwexhoba luyakuzivanjani xa libona esisilwanyana sibuyela ezitalatweni? ngelixa bona bengasokuze baphinde bayibone intombi yabo nebinekamva eliqaqambileyo.
Amaphupha akhe okuba ligqwetha anqunyulwa lirhamncwa elingenantliziyo lizenze isithandwa sakhe. UJaji uThami Beshe uliphoxile usapho lakwaMtebeni kunye nabasetyhini ngokubanzi ingakumbi ngeentsuku ezilishumi elinesithandathu zomzabalazo(16 days of Activism).
Urhulumente bekufanele ukuba wenze ngobulungisa xa kusingathwa elityala, kuba kukho usapho olungxwelerhekileyo olusentlungwini. UMzantsi Afrika ujongene nesifo esibulalayo esibizwa ngokuba bubundlobongela obusekelwe kwisini kodwa iNkqubo yethu yezoBulungisa isaqhuba ikhusela abenzi bobubi ngokubanika izigwebo ezilula kunye neeholide zasimahla kumaZiko eeNkonzo ezoLuleko. Abemi beli bachitha iimali zabo zerhafu bebhatala kulorhulumente wona uthathe obanqevu ubase ejele iyobanika iholide qha hayi ukubohlwaya ngezenzo zabo ezimbi.