Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo ibandla iThe Favors Cathedral Church kunye noMxilongi, Rev L. Mzonke, Ngomgqibelo umhla wama shumi amathathu(30 April 2022) bebebambe iTumente yebhola ekhatywayo(Soccer) kunye neyomnyazi (Netball) ngokuphethelene nokulwa ubundlobongela neziyobisi(Anti-Drug & crime sports campaign) kumabala ebhola ekhatywayo aseTsholomqa kweli leMpuma Koloni.
Injongo yoku, kukuncedisana nolutsha ukubakhupha kwiziyobisi nesigqugqusayo ukutshabalalisa ulutsha kwelixesha siphila kulo. Akwanelanga ukuba abantu abatsha baye ecaweni qha, koko mabakhuthazwe nangezinye iindlela kwaye bafundiswe ukuba baziyeke iziyobisi babone ukuba bukhona ubomi ngaphandle kwazo kwaye unako ukuba ubenekamva eliqaqambileyo.
Ibingamaqela asibhozo(8) ebhola ekhatywayo kunye namaqela asibhozo ebhola yomnyazi, evana amandla kulomnyadala. Apho iqelala elithe laphuma emagqabini liye lawongwa ngamawaka amahlanu eerandi R5000 kwibhola ekhatywayo nakweyomnyazi ngokunjalo.
Iqela eliphumelele kwindawo yokuqala kwibhola ekhatywayo ibe Yi FUTURE STARS yase Ncera kwiLali yase Magqazeni, ze Kweyomnyazi kwa Phumelele Iqela le RATANANG NETBALL Team ephuma kwiLali yaseMpintsho. Omabini lamaqela awongwe ngeNdebe zegolide, iimbasa zegolide kunye namawaka amahlanu eerandi Iqela lalinye kuwo.Sithi kuwo halala
Bekukho namanye amabhaso athe aphunyelelwa macala amabini kwi Netball nakwi Soccer, uluhlu lamaqela aphumeleleyo
Soccer
4th place – RATANANG FOOTBALL CLUB
3rd place – FLYING BIRDS
2nd place – MIGHTY BUCKS
WINNERS – FUTURE STARS
AbeLudwe Mzonke Ministries babe nodliwano ndlebe nomququzeleli waletumente umnuzana Daluxolo Thili nothethe wenjenje
“Siyabulela kwibandla IFAVORS CATHEDRAL CHURCH elikhokelwa nguTata uMzonke ngokusiphathela oluchungechunge lwemidlalo, kananjalo ndiziva ndinelunda nobunganga ngokuthi achonge mna ukuba ndibe yinxalenye ekujongeni nase kuphuhliseni izakhono kulengingqi yase Tsholomqa.
Amaqela onke abelapha achulumancile kwaye awawuvali umlomo Kuba ibi kokokuqala sidlala imidlalo yetumente ekudidi oluphezulu njengolu” ucacise watsho uMnu Thili.
Siyabulela kuwo onke amaqela azokusixhasa nakuye wonke umntu othe wazokuba yinxalenye yalomnyadala umhle mkhulu kangaka.