Abafundileyo, mabafumane imali engaphezulu kunabo bangafundanga

Iqela lezopolitiko iEconomic Freedom Fighters(EFF) namhlanje belibambe ingqungquthela yokubhiyozela usuku lwabasebenzi kuMzantsi Afrika uphela kuMmandla waseMpumalanga.

Inkokheli yeliqela uJulius Malema uthi, beleliqela bajonge kulawulo lukaRhulumente woMzantsi Afrika kodwa oko, kuyakwenzeka xa benokusebenzisana nabasebenzi ingakumbi abo basebenza emigodini. Ukwathe loRhulumente uphetheyo, ngamasela azimisele ukuba ebantwini hayi ukuphucula abantu. Uthi beyi EFF bafuna abantu abangaphangeliyo bafumane imali engaphezulu kuneR350 leyo ikhutshwa nguRhulumente ngoku. “Umnqweno wethu kukuba abantu beli bebonke mabafunane imisebenzi kwaye abo bangenalo ibanga leshumi(Grade 12)  mabaqeshwe koMaspala beli njengabacoci(cleaners)

Ukwathe abantu abangenalo ibanga leshumi mabanganyhashwa koko mabaqweshwe koMaspala beli, kuba ukungayi kwabo esikolweni kwaphenjelelwa ziimeko zentsokolo kwanorhulumente wexesha lengcinezelo.

Eligqala likwathe, aloyiki ngokoyikiswa libhekisa kwabo bahlukumeza abantu bamazwe angaphandle. Uqhube ngelithi, igcinezelo yesandla somtu omnyama komnyama akayamkeli tuu koko abantu mabalwe nabo babanga ilizwe loMzantsi Afrika. Abafundileyo uthi, mabanikwe imali engaphezulu kunabo bangafundanga okanye abanemfundo enomsila ukuze kukhuthazwe abantwana ngenjongo yokubakhuthaza ukuthanda isikolo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA