Kufunyenwe owasetyhini edutyulwe emotweni.

Abacuphi bamapolisa bafuna uncedo lokukhangela urhanelwa okanye abarhanelwa ababandakanyeka kwityala lokubulawa kowasetyhini nothe umzimba wakhe wafunyanwa kwisithuthi esasime ecaleni kwendlela ku-R102 ngaseJeffreys Bay izolo elinye, umhla we(28 Apri 2022)

Ngomhla ochaziweyo malunga nentsimbi ye-12:30, amapolisa avule ityala lokubulala kulandela ukufunyanwa komzimba wowasetyhini kwimoto emhlophe iFord Bantam kuhola wendlela uR102 ngaseJeffreys Bay. Umfi ufunyenwe enenxeba lokudutyulwa kumzimba wakhe ongasentla kwaye kucaca ukuba ubhubhele kwindawo yexhwayelo. Akukho mpu ufunyenweyo kwindawo yexhwayelo.

Igama lomfi lisafihliwe okwangoku de kwaziswevngokusesikweni izihlobo nezalamane zakhe kuqala. Nabani na onolwazi olunokuthi ancede acacise ngesi siganeko uyabongozwa ukuba ancede axelele igosa lophando, uDetective Warrant Officer Jansen van Rensburg ku-082 441 8160. Olu lwazi lungadluliselwa kwi-Crime Stop inombolo 08600 10111. uya kuphathwa njengemfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA