12.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Silapha (we’re here for you) ungazibulali

Isebe lika(DSRAC) liqalisa uhambo lokusindisa amagcisa kunye neembaleki ekuzibulaleni.

ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, liqalise iphulo elijonge ukuhlangula amagcisa neembaleki kwiSizwe ngokubanzi ekuzibulaleni xa izinto zisiba nzima kwimisebenzi yazo. “Ukuzibulala ayisosi sombululo,  Thetha sikhona” la ngamazwi aphuma kwiDSRAC.

Amagcisa asakhasayo kunye neembaleki eMpuma Koloni bazive benelunda xa behleli kwigumbi elinye nabo babathandayo kumabona-kude kwakunye nakunomathotholo. La magcisa kunye nabadlali balapha ephondweni bebemenyiwe kuphehlelelo lwenkqubo ebizwa ngokuba yiSilapha Wellness Programme. Amagcisa aselula, amagqala ezemidlalo, abadlali beqonga kunye nabo babesakuba zimbethi manqindi abafana no Zahara, Gigi Lamayne, Nambitha Mpumlwana, Mandisa Williams kwakunye no Vuyani Bhungu, baye bamenywa ukuba babelane ngamava abo nango hambo lwabo kwezoBugcisa neNkcubeko. Babelana ngeengxaki ababejongene nazo ngexesha labo. Uninzi lwamagcisa asakhasayo athathe inxaxheba kule nkqubo evakalise umbulelo wawo kwisebe lezeMidlalo ngokubaphathela amagqala ukuze babelane ngamabali abo.

UPortia Quvane oligcisa eliphuma kumasipala we-Ingquza Hill eMpuma Koloni uthe ufunde lukhulu ngendlela yokumelana nobunzima nokuba uhlale womelele xa izinto zingahambi ngokwendlela yakho. “Njengegcisa ndifumene ulwazi oluninzi malunga noluhambo  kwaye ndifundile ukuba nabantu abadumileyo badlula kumaxesha anzima, ku ngoko namhlanje ndiyayazi indlela yokuhlala ndinethemba,” utshilo uQuvane.

Omnye wabayili abatsha baseMonti ogama linguAnezwa Mvakade ethetha ngeziphumo zale nkqubo, uthe ufundile ukuba xa usenza into enkulu kwezobugcisa  akufuneki uphile ngokwemigangatho yabantu. Abantu abadumileyo kwenzeka ukuba baphile ubomi babo bezama ukukholisa ihlabathi, uthi ke ngoko, uye wafunda indlela yokulungelelanisa ubomi bakhe nangokuphila ngemiqathango yakhe.

Isebe lika DSRAC lithe unobangela wokuba baqalise eli phulo kungokuba baye baqaphela ukuba amagcisa nabadlali xa bephelelwe yimali okanye benze iimpazamo ebomini baye bazibulale okanye basebenzise iziyobisi. Abanaye Umntu wokuthetha naye. Ngoko ke, le nkqubo yenzelwe ukubasindisa ukuze bakwazi ukuthetha xa izinto zingahambi kakuhle. Lenkqubo igxile kwimpilo yengqondo, yomzimba, kwakunye noluleko, lwe ngqondo yamagcisa kunye neembaleki.

Ikwafundisa ngakumbi amagcisa kunye neembaleki malunga neentsika ezintlanu ezinje; Ulawulo lwezeMali, uLawulo lweNdlela yokuPhila, iNgcebiso yoMthetho, uLawulo lweMpilo yengqondo. Ethetha nenginginya  uMphathiswa uFezeka Nkomonye uthe: “Sithe gqolo sichonga amathuba okuphuhlisa amanye amaqonga, nto leyo izakunceda ukuthomalalisa imingeni elijongene nayo eli candelo”.

Iphondo leMpuma Koloni liphondo lesibini ukusungula le nkqubo nanjengoko yaqala ukusungulwa kweyoMdumba kulo nyaka eMpumalanga. Le nkqubo ixhaswa ngemali ngokupheleleyo lisebe lezeMidlalo.

Ingxelo: King Mfundisi

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
95 %
1.3kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
16 °
Sat
16 °
Sun
14 °
Mon
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks