15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

ENGQELENI KWILALI YASE MQWANGQWENI KUNIKEZELWE NGENDLU

ENGQELENI KWILALI YASE MQWANGQWENI

Umsunguli wombutho ongenanto yakwenza noRhulumente iSIZWE KUPELO FOUNDATION nephantsi ko Mnu Sizwe Kupelo izolo inikezele ngokusesikweni indlu kwikhaya ebekokelwa ngabantwana.

LokaKhuphelo kuvakala ukuba phambi kokuba enze ezisenzo sihle, wachukumiseka kukubona abantwana abancinci behlala bodwa, oyena mdala iyinkwenkwana eneminyaka elishumi elinesithathu ubudala(13) ubudala.

Olunikezelo lweziwa njengenxalenye yemibhiyozo yoSuku lokuzalwa lukaTata Nelson Mandela lweHlabathi.

Unikezelo olo beluzinyaswe ngabaxhasi beli phulo, abameli boluntu lwasePakistan, amaMpondo aseNyandeni ukumkani uNdamase Ndlovuyezwe Ndamase, uPetros Majola weKhuka Development Projects nabanye.

Umxhasi nomseki weSizwe Kupelo Foundation, uSizwe Kupelo uthe bayavuya kuba benze umahluko omhle.

“Kufanelekile ukuba le projekthi siyinike abantwana ngolu suku lukhethekileyo hayi eMzantsi Afrika kuphela, kodwa kwihlabathi liphela.

“Sifuna ukubulela abakhi ngokusebenza imini nobusuku baze baqinisekise ukuba lo msebenzi ugqitywa ngexesha. Sikwabulela nabo bathe bangenelela baqinisekisa ukuba le projekthi iba yimpumelelo.”

Umtu ngumtu ngabantu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks