Ziyaphela iintsuku zokunqongophala kwamanzi eGqeberha.

Umseki wequmrhu elingenanto yakwenza noRhulumente iGift of the Givers, uGqirha Imtiaaz Sooliman, ebethetha kwisibhedlele i-Elizabeth Donkin kumasipala ombaxa waseGqeberha ngentsasa yangoMvulo.

Uthe kule nyanga iphelileyo, bagrumbe malunga namashumi amabini(20) emingxuma etsala amanzi kwiMetro.Uthe umngxuma ngamnye okwesi sibhedlele uvelisa ngaphaya kweelitha eziyi-15 000 ngeyure, ukanti esinye kwisikolo i-Eltona sivelisa iilitha ezingama-70 000 zamanzi ngeyure.

Umphathiswa wezamanzi nogutyulo kwelindle uSenzo Mchunu ekunye neNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane bebekhona kolunikezelo lwamanzi, uMchunu esithi intsebenziswano efana nekarhulumente necandelo labucala iGift of the Givers libalulekile.

“Kubaluleke kakhulu ukuba siqhubeke nentsebenziswano elolu hlobo, neeNGOs noShishino, nanjengoko urhulumente engakwazi ukuzenzela yonke into abantu baseMzantsi Afrika, kufuneka kubekho olu bambiswano, hayi eNelson Mandela Bay kuphela. kodwa kuyo yonke indawo. ”

Ngelixesha, amawaka-waka amanzi avuzayo ngoku alungisiwe kwi-blitz ekuvuzeni kwamanzi kwi-Metro. Oku, kwintsebenziswano phakathi kuka Masipala kunye neNelson Mandela Bay Business Chamber ngephulo lakhe leAdopt a Leaks.

ULuvuyo Bangazi, osisithethi seKomiti eDibeneyo yokuSebenza ngokonga amanzi kwiMetro, uthi kuye kwalungiswa iindawo ezivuzayo eziyi-5499 kwiveki yokugqibela kaJuni kwaza kwalungiswa ezinye iindawo ezivuzayo eziyi-1853 kwiveki yokuqala kaJulayi. Ukwathe okunye ukuvuza okungaphaya kuka2367 kuvalwe kwiveki ephelileyo.

UBangazi uthi ukususela ekuqaleni kwale veki, iikontraka zizakuqala umsebenzi wokulungisa ezinye iindawo ezivuzayo ezingama-712 ezichongiweyo kwiMetro iphela.

Ukusukela oko kwaqala iphulo lokulwa ukuvuza kwanokunqongophala kwamanzi elaqala ngomhla we25 kuJuni – iindawo ezivuzayo eziyi 9719 ziye zalungiswa eNelson Mandela Bay ngeenzame ezihlangeneyo zokuhlehlisa uSuku lukaZero(Day zero)

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA