18.9 C
King William's Town
Tuesday, March 25, 2025

Montywood iphume uphulo lokukhangela abantu abatsha abangapheliyo

Inkampani ye-filim zase Afrika, i-Montywood, elisebe le Kumkani FM ithabatha inxaxheba
ekuncediseni urhulumente wom-Zantsi Afrika ekulweni ukunqongophala kwemisebenzi
kwilizwe jikelele, kakhulu kulutsha. I-Montywood ihambe ikhangela amatyendyana anomdla wokuzenzela imali ngokubangabathengisi be-vouchers ze Montywood kumasipala ombaxa iBuffalo City Municipality Metro.

Inkampani ye-filim zase Afrika, i-Montywood, elisebe le Kumkani FM ithabatha inxaxheba  ekuncediseni urhulumente wom-Zantsi Afrika ekulweni ukunqongophala kwemisebenzi  kwilizwe jikelele, kakhulu kulutsha. I-Montywood ihambe ikhangela amatyendyana anomdla wokuzenzela imali ngokubangabathengisi be-vouchers ze Montywood kumasipala ombaxa iBuffalo City Municipality Metro.

Ukwaleka koku kungentla, i-Montywood ipapasha ukuba ngomhla we 20 kwinyanga ka
Novemba 2021, izakube ihlala phantsi nabobathe babonisa umdla kweliphulo,
kulomhlangano kuzakube kufundiswa lamatyendyana nge Montywood futhi nalapho
bazakuthi bathengise khona.

Othethela i-Montywood u-Siyamamkela Wanga uthe, ‘’Siyi Montywood, siceba ukuphelisa
ukunqongophala kwemisebenzi kwilizwe loMzantsi Afrika kakhulu ke kubantu abatsha. Ewe abantwana bayaqhutyelwa esikolweni ngabazali, bafunde de bafikelele kwi-junivesithi kodwa bathi bakugqiba baphinde babengomahlalela, badinge into yokwenza kodwa ngoku siyi Montywood sithi makuphele nya oko. Okubalulekileyo kokokuba olulutsha lungeneleyo luzakuthengisa ezi-vouchers ze Montywood ze lomali ibeyeyabo futhi ibancedise kwizinto abazidingayo…’’

Ndwendwela i-Montywood ku www.montywood.co.za ukuze ukwazi ukungena kwintaphane ye-filims ezingelizwekazi i-Afrika kwaye ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, unganxulumana ne-PR Officer u-Sihle Dyubula kwezinombolo zishiywe ngasentla

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
moderate rain
18.9 ° C
18.9 °
18.9 °
97 %
2.2kmh
57 %
Tue
19 °
Wed
25 °
Thu
24 °
Fri
21 °
Sat
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks