Isebe lezemidlalo ubugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni lumema uluntu luphumelele kumnhyada wolonwabo ozakuphuhlisa uqoqosho lwendawo yasePort St Johns, apho uluntu luza kufumana inkuthazo njengoko iimbongi zemveli, abadanisi, amagcisa esizwe nelasekuhlaleni beza kubonisa abadume ngako kuMnyhadala weNkcubeko obanjwa minyaka le.
Lomsitho uzakuqala ukususela ngomhla we3-4 kweyoMnga(December)kunyaka ka2021. Ukanti abanye abaculi abaza kucula kulo mnyhadala weentsuku ezimbini, aquka uNaakMusiq, Vusi Nova, owaziwa ngelikaS’Nova, 047 noNtombethongo.
Oku kwenzeka kanye kanye xa isebe lisebenza ngokuzimisela ukususa eli candelo lisuka kuxinzelelo lisiya ekuhlaziyekeni, ngokubonelela iimvumi nabagqatswa kwelisebe leqonga ngeendlela zokuziphilisa.
Amacandelo enkcubeko kunye noyilo aphakathi kwawona athwaxwe kakhulu yintlekele ye-COVID-19.Lo mnyhadala liqonga lephondo elijolise ekuphuhliseni nasekuvezeni italente yasekuhlaleni. Umnyhadala wenkcubeko ukwachonge imiba ephambili yale nkqubo yeentsuku ezimbini ezizezobugcisa, inkcubeko, ukhenketho kunye nelifa lemveli eziqatshelwa ngamandla ukuba zidlala indima ebalulekileyo kuphuhliso loqoqosho lwethu, imfundo, ubambiswano loluntu kunye nokugcinwa kwelifa lemveli kwiphondo lethu kunye ilizwe.
Elinyathelo alisebenzi nje njengeqonga lophuhliso nokukhuthaza ubugcisa kuphela kodwa nanjengesixhobo sokubonisa iyantlukwano yethu yenkcubeko. Kuboniswa iindlela ezahlukeneyo zobugcisa ezibandakanya umdaniso, idrama, umculo, ukubalisa amabali, imibongo, ubugcisa obubonakalayo kunye nophuhliso lwevidiyo.
Lo mnyhadala weentsuku ezimbini uzingca ngeendidi zelifa lemveli nenkcubeko eziphuma kwizizwe ngezizwe kwiphondo liphela kwaye oku kuya kuboniswa ngomdaniso, iDrama, iMibongo, uBugcisa obuBonakalayo kunye neMisebenzi yezandla, ukubaliswa kwamabali kunye noPhuhliso lweFilimu neeVidiyo.
Lo mnyhadala wenkcubeko yiprojekthi yophuhliso elungiselelweyo, edalwe ngentsebenziswano ne-Arhente yezobuGcisa neNkcubeko yeSizwe, iDSRAC, i-Arhente yeePaki nezoKhenketho eMpuma Koloni (ECPTA), uMasipala weSithili i-OR Tambo kunye nePort St Johns njengomasipala osindleke.
Ekuqaleni eliphulo ibikutyala imali nokuphuhlisa imimandla engaselunxwemeni loMzantsi Afrika kunye neMpuma Koloni echongwe njengePhondo eliphumezayo. Le projekthi ibiqhuba kakuhle kwaye ngenxa yoko iye yandiswa hayi nje ukuba iphunyezwe elunxwemeni kodwa