Ukugonywa kuzaba sisinyanzeliso

UMongameli uRamaposa uthethile noMzantsi Afrika ngobusuku banamhlanje emva kokubamba intlanganiso nesigqeba sakhe kwakunye nebhunga elijongene nolawulo lwentsholongwane yeCorona. Kwintetho yakhe iqinisekisile ukuba uMzantsi Afrika uzakuhlala kwisigaba sokuqala(Level 1) kodwa namgona kunjalo imithetho ebekiweyo kusalindeleke ukuba ithotyelwe.

Ukwathe eli loMzantsi Afrika libhaqe iOmicron neyingozi kakhulu kwaye enamandla okubulala uluntu ngaphezulu kweentsholongwane ebezikhona ngaphambili. Lonto ithetha ukuba kuzakubakho amasebe athile azakuvunyelwa ukuba anyanzelise ukuba umntu agonywe ngesinyanzeliso nanjengoko kukho lengozi ka Omicron.

Ukukhawulezisa kwaye kubekho unyanzelo lokuba uluntu lugonywe luzakuncedisa uMzantsi Afrika ukuba ukhawuleze ubuyele esiqhelweni kwaye kungaphazamiseki uqoqoqosho lweli ngokufanayo namanye amazwe. Kungekagonywa wonke umtu kusezakubakho ezizifo zikumila kunje koko amazwe mawasebenzisane ukulwa esisifo kwaye amachiza athululwe kumazwe onke ngokulinganayo.

“Sidanile kakhulu singuMzantsi Afrika ngamazwe anqumamise ukuhamba kweli ukuya kumazwe angaphandle” utshilo uMongameli.

Ukuvalela uMzantsi Afrika uzakuphazamisa uqoqoqsho kuzwelonke kwaye kuchothise imizamo yoMzantsi Afrika yokuba soyise esisisifo. Sonke singuMzantsi Afrika singasoyisa esisisifo kwaye lonke uluntu maluqinisekise ukuba luyazinxiba izixhobo zokulwa lentsholongwane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA