28.2 C
King William's Town
Tuesday, September 3, 2024

Uyaquba uRhulumente waseBuffalo City

ISIXEKO saseBuffalo City SAMKELELA utyalo mali olusuka eIDZ oluxabisa izigidi-gidi ezintathu(3 Billion) zeerandi. Umasipala ombaxa waseBuffalo City ulwamkele ngezandla ezishushu olutyalo mali lukhulu bolubhengezwe yi-ELIDZ.

USodolophu omtsha  weMetro uPakati uthethe nenginginya yabantu ngethuba kubhengezwa abatyali zimali ababini eELIDZ. Uthethe esithi bayazingca ngokunxulumana ne-EL IDZ  kwaye bangabathathi nxaxheba ababalulekileyo kunmandla woQoqosho oKhethekileyo.

Uthi I-EL IDZ ibe yinxalenye yophuhliso lombono wabo wexesha elide kwakunye ne  Metro Growth and Development Strategy (MGDS). Uqhube ngelithi  bazibophelele ngokuqinileyo ekuxhaseni iSEZ kuba impumelelo yayo inegalelo elihle kubomi babantu baseBuffalo City.

Ingqonyela yakwa-EL IDZ uSimphiwe Kondlo ebhengeze utyalo mali olutsha, esithi bayazingca  ngokuba yinxalenye yeli candelo leemoto,  ngoba licandelo ekufuneka baqhubeleke belikhulisa kwaye balenze  ngeendlela ezahlukeneyo. 

Ukwaqhube ngelithi bachulumancile kuba  abatyali mali ababavakalisayo bazakuba negalelo ekudalweni kwemisebenzi ethe ngqo engaphezulu kwamawaka amabini  kwisi sixeko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
28.2 ° C
28.2 °
28.2 °
9 %
0.8kmh
91 %
Tue
30 °
Wed
25 °
Thu
14 °
Fri
15 °
Sat
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks