Imvumi yomculo wokholo ephum’izandla uBetusile Mcinga utyunjelwe ukhuphiswano lweNgoma Yonyaka kuMhlobo Wenene FM ngengoma yakhe entshsa ethandwayo ethi Lwaval’ Ucango, ayikhuphe kulo Nyala, yathandwa kakhulu ngabathandi bomculo we-Gospel idlala rhoqo kwindawo ezahlukileyo kunyaka ka-2025.
Ethetha ne-EC Indaba, uMcinga uthe olu khetho yintsikelelo kwaye bubungqina “bothando olungapheliyo lwabantu bakaThixo,” ukwabongeze kananjalo abalandeli bakhe ukuba baqhubeke noku-Vota njengoko ixesha selisongwa esithi “Lungavalwa Ucango iiVotinzingekathunyelwa”.
Ingoma yonyaka kwisikhululo i-Mhlobo Wenene FM yenye yamaqonga alindwa iziphumo zawo nguWonke-wonke ngamehlo abomvu minyaka le, apho amawaka-waka abaphula-phuli beVotela eyona ngoma iphambili. U-Mcinga uthi njengo Ngena Noah, ingoma u-Lwaval’ Ucango nayo ingaphumelela nje ngenkxaso engagungqiyo evela kubalandeli ngabathandi bomculo wakhe.
Ingoma ephumeleleyo ibayiyo ekuthi kuqhawulwe ngayo unyaka ngomhla wokugqibela ka December.

