Ukhethwe njengomnye wabagqatswa kwiiMbasa i-Home of Legends Excellence Awards uZenande Gexu

Lo ka Gexu ungomnye wabo bathembekileyo kwezobuhle eMpuma Koloni,ngomsebenzi oncomekayo kunye neqela elizinikele ekunikeni hayi iinkonzo kuphela kodwa nokuziva uxabisekile kwaye uyizinziswele ngononophelo nayiphi Na iSession. I-BASE iye yaba yindawo ethandwayo yokunikezela iinkonzo zobuhle ezikumgangatho ophezulu.

Ngaphezu kwe-Venkile yakhe ephumelelayo, nekwadala amathuba engqesho, uGexu unenjongo yokusebenza ekusekweni kwe-Academy yoQeqesho lwezobuhle (Beauty), ezawthi iphuhlise abasetyhini abancinci abangenalo ithuba lokuhlawula uqeqesho abalidingayo ukuze bafeze awabo amaphupho njengoZenande, okanye ukufumana njee umsebenzi.

Lembono ijolise ekwakheni izakhono, amathuba kunye nokuzimela kwezoqoqosho — ngakumbi kwabo abaphuphayo kodwa bengaboni ndlela yokungena kushishino.

Ngoku uGexu uhethwe njengomnye wabagqatswa kwiiMbasa iiHome of Legends Excellence Awards, uphawu oluqinisekisa nolubonisa ukuqaqamba komsebenzivwakhe nefuthe lakhe.

U-Zenande ukholelwa ukuba inkxaso engenamda yabathengi kunye noluntu kungakwenza kube nokwenzeka ukuphumelela leMbasa.

Uthi le mbeko yeyabo bonke abathe baxhasa iBASE Beauty Bar: abathengi abathe bakholelwa kwi-brand, kunye neqela eliqhuba umsebenzi ngentlonipho nemvisiswano.

Ukhuthaza uluntu ukuba lumVotele kwaye limncede azise le mbeko ekhaya, njengo phawu lokuba umsebenzi lo wenziwa ngokubambisana.

Ivoti ivala ngentsimbi yesithandathu(6pm) ngoLwesihlanu.

Ngokudibanisa ubuhle, uqeqesho kunye nokwakha amathuba, uZenande Gexu ubonisa ukuba ishishini lobuhle lingaba sisixhobo senguqu — nesiqalo sekamva elivulekileyo kwabasetyhini abancinci abanomdla wokulandela elikhondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA