14.3 C
King William's Town
Wednesday, December 3, 2025

Umfoti ophum’izandla owaziwa njengo”MLUNGU OTHETHA ISIXHOSA” uGarth Portgiter uchongelwe iiMbasa ze-Home of Legends Excellence Awards 

U-Portgiter oyinzalelwane yaseMonti nonguMlungu ngokwebala usithetha asikhuphe ngempumlo isiXhosa seenkobe,nto leyo engaqhelekanga ncam ekuhlaleni. Kwaye indima ayidlalayo ukuphuhlisa iphupho loMzantsi Afrika we rainbow nation idibene nomsebenzi awenzayo wokuba ngumfoti obalaseleyo ekubeni nesakhono esikhethekileyo sokuthatha imifanekiso ebalisa iphuhlise amabali enkumbulo zikanaphakade iyancomeka ingakumbi ekuhlaleni.

“Ukufota ndikuqale apha ebudaleni njengento endathi ndayenza njenge “Hobby” ekuqaleni ndingayifundelanga, ze Into eyandivula amehlo kakhulu malunga nokutmwuthathela ingqalelo umsebenzi wam wokufota yaba kukubona umfanekiso uPrintiwe, amehlo am anokungakholwa okokuba ngokwenene yayingumsebenzi wezandla zam lo, yayiyinto engaqhelekanga kum.Ukususela ngoko ndaba nengqinqo enzulu nothando olukhethekileyo lwendima endiyidlalayo ekugcineni iinkumbulo ezikufuphi kwintliziyo zabantu nezichaza amabali ngamabali endlela zobom eziyawhlala zisisi khumbuzo kubabaxhasi bomsebenzi wam” ubalise Watsho uPotgiter.

U-Garth uthi ukuchongwa kweziMbasa kuye yimpumelelo ngokwaneleyo njengoko ibonisa ukuba ukuzinikela nzulu ekuphuhliseni umgangatho womsebenzi wakhe nokunika abaxhasi bomsebenzi wakhe imifanekiso ekududi oluphezulu ayibanga lilize koko ibonakele hayi kwingingqi yaseMonti kuphela koko kwiPhondo ngokubanzi.

Ishishini lakhe arweba ngalo I Just Garth Photography laziwa ngomsebenzi walo oncomekayo ekuquka kuwo ukusebenzisa noosaziwayo abakhulu abafana noThembekile Komani, ooUnathi Platyi, amashishini amakhulu ekuquka neEC Indaba le nezinye kubalula isigaba esiphezulu somsebenzibwelityendyana.

Ezimbasa zePhondo zisekelezelwe ekukhuthazeni nokubonakalisa inkuthazo yomsebenzi oncomekayo nonefuthe kuphuhliso lwasekuhlaleni kubachongwa abafana noGarth, kwindima negalelo abathi balifake kwi-Projekthi eziphuhlisa ubugcisa emaphandleni njengamakhuphiswano onobuhle babantwana abaselula abasuka kwiLokishi NeLali kwingingqi ezahlukileyo athi athathe inkxaxheba ekunikeleni ngesakhono sakhe kuzo uGarth ukunika inkxaso nokukhuthaza.

Inkcukacha zokuVota nokuba singamxhasa njani ze abuye nayo leMbasa zilumfanekiso ohamba nelinqaku.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
92 %
1.4kmh
100 %
Wed
21 °
Thu
28 °
Fri
31 °
Sat
24 °
Sun
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks