Igama lam ndinguAnele Ngxabani waseGcuwa eZazulwana ndineminyaka eyi(25) ndenza umsebenzi wenzandla okukuhlohla intsimbi( bead work)..ukuqala Kwam lo msebenzi yayikuku phelelwa Kwam yi contract endandikuyo yakwa Agriculture kuba ndine diploma kwi Farming Management, yaphela contract nge 31 ka January 2022, emva koko andabina msebenzi, ndinomyeni ongaphangeliyo ozisebenzelayo naye pp0ngezandla ngenxa yokungafumani msebenzi.
Ndaye ndenza I (short course) ye beadwork ndisebenzisa u(machine) obizwa ngoba yi Loom machine. Emva kwale training endayenzayo ndazenzela ezam intsimbi ndathengisa, ngenxa yomdla endabanawo ndazibona ndine ntlahla yokubizwa ngu facilitator lo wayendi trainer uba ndiyomncedisa kundawo waye trainer kuyo e Middledrift(eXesi), Apho ndazibona khona uba nam ndingayenza lento hayi ngoba ndibona uba imali ininzi, ngoba ndahlala phantsi nam ndabona uba ndingaluncedo kubantu basemzantsi abalulutsha ngenamisebenzi, ndaqalisa uku trainer ngabantu abayi 10 base Gcuwa ndayibona iyimpumelelo.
Kodwa ekubeni yimpumelelo kwayo ndashiyeka ndibethekile ngoba ndabona ba material yoku trainer iyadura kwaye ayifumaneki lula. I aim yam kuyo yonke lento ndiyenzayo ayikokuhlala phantsi ndihlohle for mna ndithengise ndize ndityebe ndodwa, aim kukubona wonke umntu omtsha esebenza ngezandla zakhe, efumana iskill angazose asoxuthwe ngumntu, kwaye apho ndijonge khona ngok kufumana funds kwezindawo zincedisa osomashishini abasakhasayo, ukuze ndikwazi utrainer abantwana bahlala kwi khaya lenkedama nababantu bahlala kwi old age home, ukuncedisana nezi NGO’s zihlala nabo kuba bakhe basokole ukuba maintainer ngamaxesha athile.
Ndikwabawela ukhe ndifumane nje indlela yoba ndikwazi utrainer ababantu bafunelwe market bathengise imisebenzi yabo bakwazi uzi maintainer ngemisebenzi ephuma kubo ezandleni, kuba kukho abantwana abazi nkedama abangenazo I birth or ID’s ukuze baye esikolweni so bahleli nje abenzinto ingabanceda kakhulu le training. Enkosi
UAnele Ngxabani uyafumaneka kwezinombolo: +27 78 409 6553 kwabo banokufuna ukufaka isandla okanye ukumxhasa nangayiphi nha indlela ukukhulisa ishishini lakhe.