Akuntsuku zatywala ilizwe loMzantsi Afrika lothuswe zizantyala-ntyala zemvula ezitsho ngamadla kwiPhondo lakwaZulu-Natal, apho kuthe kwabhubha abantu abaninzi kwaye kusonakala nokuninzi ngenxa yezikhukhula.
Ngoku sothuswa ziindaba zokugqabhuka komlilo wamatyotyombe aseJoe Slovo kwaLanga kwiPhondo leNtshona Koloni.
Kuvakala ukuba ngamatyotyombe angapha kwamakhulu amathathu(300) asele etshile ukuzothi ga ngoku kwaye akuphelelanga apho nanjengoko lomlilo usaqhubekeka ukunwenwa. Okubi kukuba, lomlilo ushiya inkitha yabantu lungenamakhaya,iimpahla zokunxiba kwanokutya.
Isizathu sokugqabhuka kwalomlilo asikaziwa kwaye akukho mtu ubikwe njengobhubhileyo okanye owonzakeleyo nanjengoko uphando lusaqhuba.
UCeba wengqinqgi ekufutshane uMnu McKenzie eBonteville uthi “Siza kuba lapha ixesha elide kakhulu ngobu busuku. Kubi kakhulu. Umlilo uyavutha, usuka kwelinye ityotyombe uye kwelinye, namatanki amanzi akhona ukuzama ukucima umlilo kodwa kunzima” utshilo
Abasemagunyeni basazokuthatha umonakalo, ngelixa kungekho bantu babhubhileyo baxeliweyo.
Imifanekiso: Ayanda Frances Felem


