Nantsi indlu apho ubomi bukaEmihle buphelele khona.

Abaphathi abaphezulu kwinkonzo yesiPolisa eMpuma Koloni bazibandakanye neqela labathathi-nxaxheba kutyelelo lekhaya lentwazana eyabulawayo kwingingqi yaseBhaziya kwisithili saseOR Tambo ngoMvulo, umhla weshumi elinanye kuTshazimpuzi ka-2022. Le ntwazana ibineminyaka elishumi elinesibi(12) ubudala nethe yadlwengulwa ze yagetyengwa kutsha nje kule ndawo. Umenzi wobubi kutyholwa ukuba ubulewe ngamalungu okuhlala akufumanisa ukuba wenze esisenzo.

UBrigadiya uTembinkosi Kinana, obemele uLawulo oluPhezulu kwiPhondo, usikhalimele esi senzo watsho esithi bonke abachaphazelekayo noluntu mababambene ngezandla ekulweni ulwaphulo-mthetho, ingakumbi ubundlobongela obusekelwe kwisini, kodwa hai ukuba bawuthathele ezandleni zabo.

Ukhuthaze ubulungisa kuluntu ukuba luchaze ulwaphulo-mthetho emapoliseni, kwaye isenzo sokuthathela umthetho ezandleli akukho mthethweni. Uphinde wacacisa ukuzinikela kwamaPolisa oMzantsi Afrika ekulweni ulwaphulo-mthetho njengendlela yokuqinisekisa ukhuseleko nokhuseleko lwabahlali bonke.

Inkokheli yombutho ongenanto yakhwenza noRhulumente uPetros Majola weKhula Development naye evekhona kulomsitho ezokuphosa awakhe amazwi ovelwano kusapho nezalamane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
30.3 ° C
30.3 °
30.3 °
25 %
2.5kmh
84 %
Wed
31 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
24 °
Sun
26 °

EZITHANDWAYO INDABA