Ngumzuzu nje usentsokolweni, kodwa xa uzixelele kwaye ulwela impumelelo mihla le unako uluphumelela. Oku sikubona kwindoda egama linguChippa Mpengesi nongudomashishini owaziwayo ophume izandla kwaye edume kakhulu njengomnikazi weqela lebhola ekhatywayo iChippa United.
LokaChippa uyinkuthazo njengentetha ethi “ukusuka kumadlavu usiya kubutyebi” xa kanye uChippa ethatha inyathelo lokwakha indawo yentengo kawonke-wonke kwilali yakhe eseNgqamakwe kwiPhondo leMpuma Koloni. Ukanti uMpengesi wenze into enkulu kakhulu kwibala lezoshishino njengoko ebalwa phakathi kwamagama amakhulu kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
UMpengesi uthabathe inyathelo lokuzama ukunyusa umgangatho wezoshishino kuquka noqoqosho lwaseNgqamakwe xa esebenzela ukwakha indawo yeevenkile kuledolophu nezakuthi incede uninzi oluntu.
UMpengesi wachitha iminyaka esokola nanjengoko wayesebenza njengonogada eKapa engumhlali kumatyotyombe asePhillipi de ngenye imini wazivulela ishishini lakhe. Liyinene elithi ekunyamezeleni ikhona umvuzo kuba uthe wakuphumelela wakhumbula ekhaya nalapho azisa khona uqoqosho nophuhliso ngesisakhiwo.
Emva kwento eyenziwe yiCovid-19 kumashishini amaninzi nabantu abathe baphulukana nemisebenzi yabo, eli nyathelo alithathileyo uMpengesi, lokwakhiwa kodederhu lweevenkile oluthiywe ngegama lakhe, iChippa Mpengesi Shopping Centre, imisebenzi emininzi iza kudalwa njengoko kulindeleke ukuba isebenze ngokupheleleyo ngoNovemba walonyaka ka2022.