IZwede ijike yayindawo yemfazwe emva kodubulwano olusube yamine(4) imiphefumlo.

AmaPolisa aseGqeberha aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa, nababandakanyeka kudubulo oluye lwasuba imiphefumlo yabantu abane(4) ze konzakala wamnye kwilokishi yase Zwide namhlanje umhla we(6 Jan 2022).

Ngokwengxelo ekhutshwe ngabakwa ntsasana, amaPolisa akwaZakhele akhawuleze ngoko nangoko ukuyosabela kwindawo yexhwayelo malunga nezithuba zentsimbi yeshumi elinanye(11am) kusasa namhlanje, nalapho bafike bafumana izithuthi ezibini. Ibizizithuthi sohlobo lweSuzuki kunye Opel Kadett nebezime kwisitalato iJohnson eZwide, ukanti zombini ezi zithuthi bezinenkitha yemingxunya yeembumbulu.

Ixhoba nekukholelwa ukuba ngumqhubi weOpel ubenomonzakalo omandla ngelixa imizimba yamanye amaxhoba amathathu efunyenwe endleleni ecaleni kwezi zithuthi ezo sele bebhubhile.

Ixhoba lesihlanu lifunyenwe linamanxeba embumbulu emzimbeni ze labalekiselwa esibhedlele ukuze lifumane unyango.

Abakwantsasana bafumene imikhono yekati emibini kwindawo yoxhwayelo kwaye abarhanelwa basagcwele amathafa. Ngelishwa  akukabanjwa mntu okwangoku kodwa lona uphando luyaqhuba

Amagama wamaxhoba abhubhileyo awaka khankanywa okwangoku nanjengoko amaPolisa esazama ngokusemandleni ukuphanda amatyala amane okubulala nelokuzama ukubulala.

Unobangela wesi sehlo awukaziwa okwangoku.

UMkomishinala omtsha wamapolisa uLt Gen Nomthetheleli Mene uvakalise omothuko nokudana ngesisiganeko kwaye eyalela uphando lweyure ezingamashumi asixhenxe anesibini de kufumaneke abo babuleleyo.

Kuyacelwa nabanina onganolwazi nonokuncedisa amaPolisa ekuphandeni aba barhanelwa, aqhagamshelane no Detective Sergeant Mvuyiseko Xhayimpi ku 079 896 7010 okanye ku Crime Stop ku 08600 10111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA