Kwiphulo likaRhulumente waseKhaya eNgqushwa, uMaspala uthathe ingqalelo yokuncedisana nabantu abatsha, ekhawulela izidingo zabo ngokuzisa iinkonzo ezizakubancedisa ukufaka izicelo zabo ingakumbi ezemfundo ephakamileyo.
uMaspala waseNgqushwa uvule iholo yoluntu iNcumisa Khodlo iintsuku ezimbini, ukuze ulutsha lwalengwingqi kunye neelali ezingqonge ledolophu luphume ngobuninzi ukuyokuxhamla kwizixhobo ezilungiselelwe bona ukuze bakwazi ukufaka izicelo zabo.
Sithetha nje, amagosa kaMaspala noNSFAS balinde kwiholo yoluntu namhlanje eNgqushwa, ukuncedisa abo bafuna imfundo enomsila.
Bulungisiwe ubuxhakaxhaka balemihla be(internet; wifi photocopy; scan) nokuninzi okwenziwa mahala kusenzelwa ulutsha lwaseNgqushwa nanjengoko ezizixhobo zinqongophele ezilalini.
USodolophu uSanga Maneli uthi benguMaspala abakwazi ukusonga izandla bengancedisani nolutsha, kuba imfundo enomsila ulutsha oluzakuyifumana kwiDyunivesithi zeli, izakuncedisa ukuphuhlisa uqoqosho lwaseNgqushwa kwanokunyusa izinga lezifundiswa ekuhlaleni kunye neziqhamo ezihle kwizakhono zolutsha oluseNgqushwa.
Nazi iimpepha ezifunwayo xa usenza isicelo KwaNSFAS:
- Isazisi (ID/Temporary ID )yakho applicant, ID yomzali or guardian okanye I Spouse kwabo bangaxhamliyo Ku Sassa
- SMART ID sibe photocopied macala
- Proof of income yomzali kodwa uSASSA ukhona uza kuncedisa ukuzikhupha kwabo bafumana inkxaso kuye
- Proof of income kwabo bangaxhamliyo kuSASSA -Payslip not more than 3 months, UIF Letter, appointment letter, retrenchment letter yomzali, guardian okanye I spouse
- Abantu abane Disabilities kufuneka bafake iphepha le Disability Annexure A Form.
- Abantu abene smart phones neeLaptops kucelwa baze Nazo bazakusebenzisa I WIFI kwamasipala ngexesha lokwenza I application.

