Inkampani ye-filim zase Afrika, i-Montywood, elisebe leKumkani FM ithumela i-filim yayo entsha kraca ebizwa ngokuba, ‘’The Rise of Nguni’’ kwigumbi lohlelo.
Le filim evuzisa amathe ingembali yedabi lomhlaba elalisenzeka phakathi kwesizwe saba Ntsundu kunye nabamhlophe. I-Montywood ipapasha ukuba lefilim izakube ilungele ukubhengezwa kulonyaka uzayo, u-2022 ukutsho ke kwaye inkcukacha ezithe vetshe zizakusasazwa kumakhasi onxibelelwano, kumaphepha-ndaba njalo-njalo. Kodwa ke sele ibekwe yacaca ukuba lefilim izakubhengezwa ku-Montywood kuphela okwe thutyana elingango nyaka omnye ze emvakoko yandule ukuvulelwa intengiso okanye abathengi abayawuthi babonise umdla ekuthengeni le filim.
‘’Siyi Montywood, siceba ukuba lefilim ibe kanti ikungele ukubhengezwa kulonyaka uzayo,
u2022 futhi onke amalungu athabathe inxaxheba ekushicelelweni kwayo ayakuthi amenywe, kuquka nosapho lweNkosi yamandulo uMaqoma lizokuzimasa lomnyhadala. Ukwaleka koku, siyanqwena ukuba abaxhasi ngemali basithembe xa sifaka izicelo zemali ngokwamalungiselelo okushicilela ii-filim ezinjezi, ezingembali yakwa Xhosa nezinye ke.
Elokuvala, sikholelwa ukuba le filim izasinceda ekubeni sifikelele kwinqanaba lokushicilela ifilim ngegama okanye engo-Maqoma, kuquka ibali leemfazwe zamandulo(Frontier Wars)
njalo-njalo…’’, umvelisi u-Mnu. Xabiso Ngabase uxelele i-EC Indaba.
Ndwendwela i-Montywood ku www.montywood.co.za ukuze ukwazi ukungena kwintaphane ye-filims ezingelizwekazi i-Afrika kwaye ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, unganxulumana ne-PR Officer u-Sihle Dyubula kwezinombolo:081 491 8002