19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Phakama mntu omtsha, ixesha lokuzimela geqe lifikile.

Bekumbetshembetshe kuyilonto, kwaye kuyokozela iflegi zosonashishini kunye noMaspala waseDutywa iMbashe kwingqungquthela ebibanjelwe kwilali yaseNgxakaxa eSheshegu kwindawo yokonwabo eyaziwa ngokuba yiKwarin Village.

Olusuku luhlelwe okanye beliququzelelwa liqela loosomashishini abazinzalelwane zaseDutywa ezigqibe kwelokuba ziphuhlise uqoqosho kunye nongangatho wedolophu yabo. Abasomashishini baquka iKwarin Village ephethwe nguMzimkhulu Ntlabathi; Urban Village ephethwe nguNqabomzi Rozana;Sisanda Jonas we Panaty Kitchen; Cosy Events nayo ephethwe nguOko Makohliso; Yandisa Magadla onguMphathi weKudu Wear; Mzodidi Mjiya we Majitech;Diginfluence Marketers ka Aphiwe Qina; Beauty by Zee ephethwe ngu Ziyanda Ngcingane ; Evarest Finance ephethwe nguNyaniso Mbana kunye noCaavino Vorne kaSibusiso Danti ,ngamanye amashishini ebesenza ezibukwayo ukuqhayisa ngemisebenzi yabo.

Ngethuba umnikazi waseKwarin Village uMzimkhulu Ntlabathi ethetha nolutsha kunye noSomashishini ngokuzalwa kwalombono walomsitho, intetha yakhe uyiqale kwimbali yechibi elalisaziwa njengeKwari, iyindawo emdaka engahiyekanga kodwa namhlanje ulutsha lwaseDutywa lukwazile ukwenza imbali entle kwindawo embi.

NoCeba walelali yaseSheshegu uMzikayise Saki ebekhona kwaye eyokumela nabasemagunyeni kwiOfisi kaSodolophu uMnu Janda, nanjengoko uMaspala waseMbashe ekunye noMaspala waseAmathole bathe bafaka isandla ukuqinisekisa ukuba lemini iba yimpumelelo.

Abasomashishini bekunye neEC indaba bebewuququzelela lomsitho nothe waba yimpumelelo najengoko ubunika osimashishini ithuba lokukhula ngokuvelisa amashishini abo eluntwini koko abanye bezenzela isentana ngokuthengisa.

Sibulele kubo bonke oSomashishini abathe baphuma ngobuninzi ngokusuku, kunye nombexeshi obekwanguye noququzeleli wolusuku uAphiwe Qina weDiginfluence

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks