17.2 C
King William's Town
Tuesday, October 8, 2024

Bonke bayamkhangela, abamfumeneyo yigolide kubo. AP Qina(Marketing Guru)

Akamanga uyaqhuba…

Chuu ngcembe kwigatyane laseDutywa kwilali yaseNgxakaxa uAphiwe Qina. Eligatyana liminyaka engamashumi amathathu ananye(31) ubudala, liphume izandla kumaqonga ezonxibelelwano ingakumbi kumncimbi wokuthengisa. Abamaziyo bathi yi(Markerting Guru) ngenxa yemiqondiso yemisebenzi yakhe kwabo bazibonileyo iziphumo.

UAphiwe Qina waziqalela ishishini lokuthengisa(Marketing) ethengisa amathuba okuzibonakalisa okanye ukunika amashishini asakhulayo iqonga lokuba bathengise kwaye babonwe ngabathengi. Lenkamphani wayiqala ngonyaka ka 2020 iDiginfluencers. Usebenza neenkampani ezininzi ezifana neKUDU Wear; Caarvino Vorné; EC indaba; Scoops of Joy; Urban Village Launge; Ekwarin Village; Nwabisa Hexana Talk ukubalula.

Ukanti ukwancedisa nabantu abafuna ukuqala amashishini abo abhaliswe abancede nangezixhobo zokuthengisa(Marketing material) kunye neencwadi zokucela uncedo lwemali.

Ngethuba sincokola naye, nanjengoko ekwanguye nomhlobo kwelikhaya uthi” ukuba neshishini ungumtu omtsha ayonto ilula kodwa kumele uyazi into oyifunayo kwaye uyilwele. Ixesha linako ukuphazamisa uzibone ngamanye amaxesha ulibaziseka okungathi akude kulunge kodwa lonto ayithi yeka koko qhubekeka kwaye wolule osandla sokunceda nabanye. Ukwathe ngamanye amaxesha uye ancede amashishini abantu simahla kuba nje enothando lokunceda kwanokufuna ukubona inkqubela phambili eluntwini ingakumbi kumtu omtsha.

UAphiwe ukholelwa okanye ufumana amandla kusapho lwakhe kwakunye nabahlobo bakhe abasoloko bekufutshane naye kukubi nokuba kumnandi. Eligatyana laseDutywa nelingimhlali waseMonti ngoku, liyile esikolweni nanjengoko enesidanga kwiMarketing ephuma kwiDyunivesithi yaseWalter Sisulu.

umtu ngumtu ngabantu..

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
59 %
7.9kmh
48 %
Tue
20 °
Wed
31 °
Thu
36 °
Fri
26 °
Sat
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks