11.9 C
King William's Town
Sunday, September 8, 2024

Phakama mtu omtsha ixesha lokuzimela lifikile

Kukho igatyana lomfana eligama linguSakhele Sandro Qotha, lomfana uyi(Director esakhulayo kwakunye nomnikazi  wenkampani ebizwa i(Mike Coastal Production Pty Ltd) nkampani leyo evelisa imiboniso kwaye yenza nezinto zeninzi kumacandelo ahlukeneyo.

Eligatyana ngokokuzalwa linengcambu ezikumhlaba oseMonti kodwa ekhulela kuGatyane kwilali yaseNqadu ngakwi koMkhulu lamaXhosa kanye apho ishishini aziqalele lona limisilelwe khona.

Phambi kokuba aqale ukuba neshishini, lomfana uye wafunda esenza (iIT) ze waphumelela efumana isidanga sakhe, akaphelela apho wenza kunye ne-short courses ezinokumncedisa kwisakhono zokuziqalela okanye ukuphuhlisa ishishini lakhe, leCourse eyenza phantsi kweNkampani yeNYDA neyaza ngenxa yenkxaso evela kwiOfisi yeNkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni(Office of the Premier)

Usakhele lo sele esuka nditsho naseMelika(United States of America) ngenxa yesakhono sokusebenza kwimiboniso bhanya-bhanya kweli. Ukwanguye nombhali wamabali osakhulayo wemiboniso bhanya bhanya. Ibali asenalo ngokukhawuleza elibizwa i”Limeva lamathe film” elijolise ekuhlukunyezweni kwamanina nabantwana.
Uzamile uxelenga nakwiinkampani eziseKapa naseGoli ukubalula kodwa kwabangcono ekhaya(Eastern Cape) apho aqale khona ishishini lakhe lokuvelisa ethunga iimpahla.

Kulonyaka ka2022 uziqalele ishishini lempahla elibizwa ngoba yi Ingwe-nya Crowns Clothing Brand. Ilishishini elisakhulayo kodwa elenze umdla kakhulu ebantwini ngenxa yomtsalane wezimpahla.

Ngaphandle njee kwesakhono eso anazo, uSakhele ungumntu onesineke nonyamezelayo kwaye ngokutsho kwakhe omthandayo uThixo. Umiliswe kwintsika zemfundiso ezithi, “kubalulekile ukuziqalela into eyeyakho, enokwakha Sizwe kwaye yondle amakhaya omzi ontsundu”. Unomnqweno wokusondeza edolophini elishishini lakhe nanjengoko engumfana osezilalini kwiindawo apho uninzi bazibona njengendawo ezishukuxekileyo nokunqaba kwamathuba okukhula.

Unesicelo kulowo onothi amncedise noba kungecontainer/ rent edolophini/van yothutha impahla/ banner/ stock sempahla/ nantoni naa into umntu athi afikekelele kuyo, ndingayibulela kakhulu kwinkxaso yelishishini.

Xaa ufuna ulwazi oluphangaleleyo or ufuna ukumncedisa.

Call/ WhatsApp 082 088 7181
Facebook-Sandro saki Qotha

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
82 %
1.5kmh
99 %
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °
Thu
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks