19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Qhakaza mtase pha eSmart Diva Accomodation

USomashishini nowaziwayo kummnandla waseMonti ogama lingu Lonwano Rani, novule ishishini lakhe neliyindawo yokulala edumileyo i Smard Diva Accommodation, ukuze oSomashishini babenendawo apho badibana khona baxoxe kwaye babelane nangolwazi kuquka nezakhono zabo.

Oku kuqale kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, emva kokuba uLonwabo ethe wamema ooSomashishini abasakhulayo kukudla kwembiza yesiXhosa ( potjie Kos). Eliphulo lihle lenziwa rhoqo ngeCawa emva kwemini kwaye limahala.

Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo iqela lika Qhakaza Mtase nelaqulunqwa nguSimphiwe Salakuphathwa, belinengxoxo ngaphakathi kwamasango ase Smart Diva kunye noo Somashishini kwingxoxo ngemicelimngeni kwanokuphumelela kwabo.

Ngethuba sityelele kulomsitho umtsha, siye sanencoko nabo bebekhona, besitsho besithi baziva besamnkelekile kwaye ingase uMnuzana uRani angayiyeki lento ayiqalileyo kuba iyabancedisa bengoo Somashishini.

Nawe unako ukubatyelela rhoqo ngeeCawa kanye apha ngaselwandle eMonti. Buzisa nje ngeSmart Diva Accomodation, soze uzisole.


OSomashishini okanye amatsha-ntliziyo abemenyiwe kulengqubo yeQhakaza Mtase nguBohlale Buzani; KG; Linda Saliwa kunye noAnelisa Zono.

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks