Badutyulwe babulawa bobahlanu(5) ingamalungu omzi omnye

Amapolisa eli eMpuma Koloni amaxhaphetshu, enyuka esehla kwiinzame zokubamba izigila-mkhuba ezidubule zabulala amalungu osapho olunye amahlanu(5) kwiilali zaseLusikisiki izolo.

Ngokwengxelo evela kwinkonzo yesipolisa ichaza ukuba, malunga nentsimbi yokuqala ekuzeni kusa ngomhla wesithandathu(6 April 2023) kumbonzeleke amadoda angaziwayo avele athulula iimbumbulu kwesisihlanu sabe siyabhubha. Abakwantsasana babizwe ngabahlali kwindawo yexhwayelo apho bafike sele begangwa yimizimba yesisihlanu nabaphakathi kweminyaka elithoba(9) ukuya kumashumi asixhenxe anesibhozo(78) ubudala kwaye benamanxeba okudutyulwa.

Babhengezwe njengababhubhileyo apho. Abantwana ababini(1&8 ) abonzakelanga kwaye izisathu soku kwenzekileyo asaziwa okwangoku kwaye amapolisa asaphanda. Inkonzo yesipolisa igcwalise izitalato ngelinge lokuzisa abophuli mthetho ngaphambili nanjengoko kusekwe iphulo leeyure ezingamashumi asixhenxe anesibi(72) ukuze babanjwe.

Umkomishinala wephondo uzokhalimele ngamandla eziziganeko kwaye kuyacelwa nabani onganolwazi ngokwenzekileyo eze ngaphambili.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA