20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Ziyaqhuba iiseshoni zooMaspala beMpuma Koloni nezimalunga nonyakamali ka2023/2024

Lusuku lukoluqala lweseshoni eqhutywayo yokucwangcisela unyaka mali ka 2023/2024.

Esamnkela abantu uSodolophu uCeba Samkelo Janda uphakamise umba weentlekele ezenzeka ngenxa yezikhukhula nomonakalo olandele emva kwezizehlo. Phakathi kwezinye izinto azibalulileyo kukuqinisekisa ukuba ngobambiswano urhulumente angenelele ukuncedisana noluntu kulengxaki. Ukwabalule iminqweno nenjongo yokubona kuveliswa amacebo okuqubisana nemingeni uluntu olujongene nayo, ethi ichaphazele uphuhliso loluntu nokuhanjiswa kweenkonzo ezisemgangathweni.

USodolophu uphakamise imiba nemingeni efana noguquguquko lwemozulu olubangela iintlekele ezithi zonakalise izakhiwo, ucimicimi wombani, ukwehla kwezinga lokubhatalelwa kweenkonzo ezihlawulelwayo, ubusela nobugebenga, urhwaphilizo oluchaphazela ukusilela ekunikezelweni kweenkonzo eluntwini.

Uzobe ubume bukamasipala ngokunikeza ingxelo ebonakalisa imo yentlalo ukuze kucwangciswe ngokuchanekileyo ukuphendula kwizidingo zoluntu kunyaka-mali ozayo.

“Kufuneka kuqinisekiswe ukuba umntu ngamnye uthatha uxanduva lokwenza umsebenzi wakhe, ukuze kuphunyezwe izidingo zabantu nanjengoko iinkokheli zonyulelwe ukuqinisekisa lonto”.

Amalungu amaqela ezopoltiko ebhunga loMasipala waseMbhashe ayinxalenye yaleseshoni, kwaye anikeziwe ithuba nguSodolophu, lokugqithisa umyalezo. Kwimiba abathe bayichaphazela kukuqwalaselwa kwamacebo okuphucula umgangatho wokwakhiwa nokulungiswa kweendlela, ukuliwa korhwaphilizo, ukuqiniswa kwemiqathango yokuphendulisa abo benze gwenxa kwinkqubo zokuhanjiswa kweenkonzo kunye nokukhokheliswa kwemfuno zabantu. Imibutho yemanyano zabasebenzi nayo inikezwe ithuba lokuphefumla ngemiba emayinikezwe ingqwalasela

USomlomo unikeze ingxelo ngokusebenza kweeKomiti kuquka nokuhlaliswa kweentlanganiso zebhunga ngokugunyaziswa ngumthetho. NoMbhexeshi woCeba kwibhunga uCeba Mantshiyose ngokunjalo udakance inkqubela yoxanduva olunikezwe iOfisi yakhe.

UMphathi kaMasipala kunye nabaphathi bamasebe kamasipala banikeze ingxelo ngamacebo okuqinisekisa ukuthi uqhubela phambili ukuphumeza uxanduva umasipala alunikiweyo ngokugunyaziswa ngumthetho.

Ingxelo:Mbhashe Municipality

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks