15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Uninzi lukhetha ukulala luyeke izinto zizenzekele kuba bengafuni ukuzibandakanya kolutshintsho lukhoyo

Icandelo labucala nelisabela kumaphulo ezoshishino iStartup Grind,Cortexhub  isebenzisana neArhente kaECDC bebebambe umsitho wokufundisa nokuxhobisa osomashishini baseMpuma Koloni eMonti kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

Eliphulo nebelijolise intsingiselo yalo ekuxhobiseni osomashishini ngobuxhaka-xhaka balemihla(technology) kwanokutshintsha kwendlela zokusebenza ngenxa yamaxesha angasafaniyo nakudala.

Kwizithethi ebezikhona, uMnu Vuyani Jarana nongusihlalo webhodi eECDC uthi amashishini amancinci anamathuba amaninzi okuba makhulu kwaye aphuhlise ilizwe lethu.

“Sijongene notshintsho olukhulu kwaye luyenzeka sithanda singathandi, umbuzo kukuba kuzakwenzeka ntoni ngomso okanye sikulungele oko kusini nha” utshilo

Ukwathe osomashishini ingase bangawaphosi amathuba akhoyo koko umtu ajonge phambi kwakhe ukuba yinto angayenza ukukhawulelana nobuxhaka-xhaka noshishino belixesha ukuze angaphoswa ngamathuba kwaye aphihlise nesakhono sakhe.

”Uninzi lukhetha ukulala okanye luyeke izinto zizenzekele kuba bengafuni ukuzibandakanya kolutshintsho lukhoyo” utshilo uVuyani. Ukanti lomsitho ubuzonyaswe luninzi losomashishini abasakhulayo kunye nentloko yeBorder Kei Chamber.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks