Yintoni le ingaka ngeeNdevu kotata?

Yintoni le ingaka ngeeNdevu kotata??? Lowo ngumbuzo esiwubuze kuBuntu Bara, nongumvelisi wamafutha amatsha kraca okukhulisa kwanokukhathalela iindevu zendoda.

Eligatyana lomfana neliminyaka engamashumi amabini anesibhozo(28) ubudala lazalelwa kwiilali zaseQandu kweliPhondo leMpuma Koloni nagona ngoku lizinze eMonti.

UBuntu Bara wenza isankxwe kumakhasi ezonxibelelwano, kwathi ndiii macala onke ngenxa yemveliso yakhe yamafutha eendevu. Wamangaliswa kakhulu ngumdla owaboniswa ngamadoda kwimveliso eyenziwa ekhaya, waqonda ukuba unemveliso enokuthengiseka.


Uthi kudala abantu bembuza ukuba ukuba ezakhe iindevu uzikhulisa njani kwaye wenza njani ukuzigcina zintle kwaye zininzi. “Abantu babebuza ukuba zeziphi iimveliso endizisebenzisayo, yaye ndaqonda ukuba ndingawuguqula umxube wam ube zizinto endinokuzithengisa. Ndiyibonile isebenza nakubantu endandibacebisa ukuba benze njani, ngoko ke kwakungekho ndlela yokuba ingangasebenzi nakwabanye abantu, kwaye hype yobo indinike isizathu sokuqhubeka ndiyenza lento kwaye neliphupha lemveliso yam lifezeke” utshilo

Ukwathe, ungumtu othanda ukuzenzela izinto adibanise kuphume into, ntoleyo ethe yamkhokelela ukuba azenzele eyakhe imveliso nebizwa ngokuba yiMpisi. Impisi ngamafutha afakwe kwibhokosi encinci entle, naphuma nebrashi zikukama iindevu zakho kwaye oku kunexabiso elifikelelekayo.

Sithetha nje iImpisi, ilindwe ngamehlo abomvu luluntu ingakumbi amadoda anetshamba nazithandayo iindevu zawo, kaloku lemveliso yabangundaba-mlonyeni kumajelo asekuhlaleni nakumakhasi ezonxibelelwanto ntoleyo izindaba ezimnandi kuBuntu kwaye ikwanomceli mngeni wokulungiselela umthamo omniinzi weOdolo(orders) zabantu abafuna Impisi.

Nje ngankampani zonke ikhona imiceli mngeni kwishishini likaBara kodwa uthi iyathwaleka kwaye unalo ithemba lokuba ukhona oyakufaka isadla axhase ukukhulisa elishishini. Uyafumaneka kwezinombolo:0736550243

#uzoy’thola kanjan uhlel’ekoneni?

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA