UPREMIER WEPHONDO LEMPUMA KOLONI UMNUMZANA OSCAR MABUYANE ugaleleke ngemva kwemini kwikhaya likaEmihle Tukani eMputhi village eBhaziya AA. Imvula ibigalela kodwa itente (tent) ibigcwele ngabahlali bezokunoka inkxaso, ebekhona noNkosi uMinenkulu Joyi kwakunye noMayor wase KSD uCllr Nelani.
UEmihle ebefunda eMputhi JSS nalapho ebesenza u Grade 7 kodwa uhambo lwaphela esithubeni ngesiquphe.
Uthethe wabhekisa nakumakhulu kaEmihle esithi makangazisoli ngalento yokuthuma umntana iR10 kumaluso nowaziwa ngelika Mqwathi, utsho esithi wonke umntana uyathunywa kowabo.
Ubhekise amazwi enkuthazo kubahlali esithi makuqiniswe amaphulo okulwa ulwaphulo mthetho.
UPremier uyibethelele into yokuthi elikhaya bekumele kudala kwakhiwa indlu apha kuba indlu yethutyana ibekwa isithuba esingadluliyo kwi 6 months, emva koko kwakhiwe indlu. Ushiye isithembiso esithi ingaphelanga lenyanga isebe lika Human Settlements nelikhokelwa nguMEC Kontsiwe lizakwakha indlu ebekumele kudala yakhiwa.
Ubethelele uPremier ngelithi masibajonge abantwana sibagcine bekhuselekile ngalo lonke ixesha.
Uthi xa egqibezela intetho yakhe, ukufa kuka Emihle makuzise inguqu kubomi babazali bakhe nangona lonto ingazokumbuyisa.
WANGA UMPHOFUMLO WOLASANA UNGAPHUMLA NGOXOLO.
End
PETROS MAJOLA from Khula Community Dev. Project EC.
12th April, 2022

