20.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Liyaqhuba iSebe lezeMfundo ngokunikezela ngezikolo ezintsha kraca.

INKULUMBUSO U-OSCA MABUYANE NO MPHATHISWA WESEBE LEMFUNDO U-FUNDILE GADE BAVULE NGOKUSESIKWENI I-ETORA ENGCOBO.

Inkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni u-Osca Mabuyane ebambisene nomphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade bavule ngokusesikweni izikolo samabanga aphantsi i-ETora eNgcobo phantsi koMasipala iChris Hani  kweli leMpuma Koloni.

Ukanti esisikolo nesixabisa izigidi ngezigidi zeerandi  nesikwimo yobugcisa  sijongene nophuhliso lwabantwana abaselula kwezobugcisa. Ukanti sinendawo yokutyela , imisebenzi emininzi, indawo yolawulo kunye neendawo zangasese zabafundi nootitshala, kubandakanywa iziko elahlukileyo lebakala R ( Grade R) kunye nebala lokudlala phakathi kwezinye izibonelelo.

Inkulubaphathiswa uOsca Mabuyane uthi unikezelo lwesisikolo kukuzalisekiswa kwesithembiso zabo zokuqinisekisa ukuba wonke umfundi ufundiswa kwindawo endilisekileyo nekhuselekileyo. Ethetha kudliwano ndlebe lo kaMabuyane uthi esisikolo sihla kakhulu kwaye banethemba lokuba sizokuguqula ubomi bengingqi nabantwana ngokubanzi. uMphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade kwingxelo ngesisikolo uthi oku luphuhliso lwabantwana besekumabanga aphantsi kwezobugcisa.

Ingxelo: Yolisa Khundulu

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
24 %
5.9kmh
45 %
Thu
28 °
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
28 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks