Liyaqhuba iSebe lezeMfundo ngokunikezela ngezikolo ezintsha kraca.

INKULUMBUSO U-OSCA MABUYANE NO MPHATHISWA WESEBE LEMFUNDO U-FUNDILE GADE BAVULE NGOKUSESIKWENI I-ETORA ENGCOBO.

Inkulubaphathiswa yephondo leMpuma Koloni u-Osca Mabuyane ebambisene nomphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade bavule ngokusesikweni izikolo samabanga aphantsi i-ETora eNgcobo phantsi koMasipala iChris Hani  kweli leMpuma Koloni.

Ukanti esisikolo nesixabisa izigidi ngezigidi zeerandi  nesikwimo yobugcisa  sijongene nophuhliso lwabantwana abaselula kwezobugcisa. Ukanti sinendawo yokutyela , imisebenzi emininzi, indawo yolawulo kunye neendawo zangasese zabafundi nootitshala, kubandakanywa iziko elahlukileyo lebakala R ( Grade R) kunye nebala lokudlala phakathi kwezinye izibonelelo.

Inkulubaphathiswa uOsca Mabuyane uthi unikezelo lwesisikolo kukuzalisekiswa kwesithembiso zabo zokuqinisekisa ukuba wonke umfundi ufundiswa kwindawo endilisekileyo nekhuselekileyo. Ethetha kudliwano ndlebe lo kaMabuyane uthi esisikolo sihla kakhulu kwaye banethemba lokuba sizokuguqula ubomi bengingqi nabantwana ngokubanzi. uMphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade kwingxelo ngesisikolo uthi oku luphuhliso lwabantwana besekumabanga aphantsi kwezobugcisa.

Ingxelo: Yolisa Khundulu

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA