Amalungu aphantsi kweCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluNtu noBundlobongela kwiPhondo leMpuma Kapa abambe umrhanelwa ongoyena mrhanelwa wokudutyulwa kwabantu abaninzi eLusikisiki ngeCawe, umhla wesihlanu (05) kweyoMqungu 2025 malunga nentsimbi yesine emva kwemini (16:00).
Nanjengoko umkomishinala wephondo laseMpuma Kapa uLieutenant General Nomthetheleli Mene wayevakalise ukuba amapolisa awazukuphumla de abanjwe umrhanelwa, ngophando olunzulu amapolisa aye avalela ibhasi kwisikhululo seebhasi eQonce isiya eKapa. Ngethuba begqogqa ibhasi, bafumana indoda eneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala eyayikuphela komrhanelwa obalaseleyo kwisiganeko sokudutyulwa kwabantu eLusikisiki. Umrhanelwa uye wabanjwa ngoko nangoko kwaye uya kuhlawuliswa ngokufanelekileyo.
Uzakuvela kwiNkundla kaMantyi eLusikisiki kungekudala.
Umkomishinala wephondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene ukwamkele ukubanjwa komrhanelwa. Uye wabulela uluntu ngokwabelana ngolwazi olubalulekileyo olukhokelele ekubanjweni kwabo bonke abarhanelwa kwisiganeko sokutyulwa kwabantu abaninzi. “Ndilincomile iqela ndaliqhwabela izandla ngokungadinwa liqinisekisa ukuba abo bathe babulala abantu baseLusikisiki bajongene nengalo yomthetho,” utshilo uLt General Mene.

