Ilizwe loMzantsi Afrika neliphantsi kwesikhokelo sikaMongameli uCyril Ramaposa,izolo sothuswe sisilumkiso ezivela kwilizwe laseMelika nesichaza ngezigrogriso zokuqoloba eRhawutini.
Kukhutshwe isilumkiso sohlaselo kweli loMzantsi Afrika, ilixhwebhu olivela eMalika lilumkisa ukuba abantu baqaphele. UMongameli uRamaposa uthi benguRhulumente bazamile ukuthethathena nelizwe laseMelika ukuqonda ngqo ngezizigrogriso zivelileyo nezijonge eMzantsi Afrika zibonakalisa ubungozi xa zinokwenzeka.
Ukanti nelizwe laseNgilani nalo liye lakhupha ingxelo ekumila kunje. Ezingxelo zothuse uMzantsi Afrika zigrogrisa ngobunqolobi obunokwenzeka kumbindi weRhawuti eSandton. Lengxelo yesilumkiso ibicebisa amebi abaseRhawutini ukuba badlalele kude kwindawo ezinenginginya ingakumbi eSandton.
UMongameli weli ke uthembise ukunika ingqwalasela oku kwanokuzama ukuqinisa ukhuseleko.