17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Asingcwabi kuphela, koko nabantu sibakhathalele

Inkampani yabangcwabi, neyaziwa kakhulu kweli loMzantsi Afrika uAVBOB ephelekwa nguMphathi welijelouAnelisa Zono, uManejala kaAvbob eMonti uMr K Mtila namhlanje bebetyelele kumhlaba waseSajonisi ukuyokuthuthuzela iintsapho ezehlelwe yintlekele yezikhukhula, umoya ugqugqisayo kwiphondo leMpuma Koloni kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo.

Lentlekele  nezashiya uninzi lungenamakhaya kuquka nento esiwa phantsi kwempimlo.

UAVBOB nobukhokelwa nguMnu Chonco eMtata, Cebo Nqubula eMonti kunye noGloria Cele waseThekwini, bebengabaququzeleli abayintloko kweliphulo, nenjongo yalo kukunika ithemba eluntwini ukuze lubone ukuba lenkampani ayingcwabi kuphela koko iyakwazi ukufaka isandla kwabo basokolayo nokosula iinyembezi eluntwini.

Kunikezelwe iipasile ezingaphaya kwamakhulu amabini kwintsapho ezikwiWadi ezimbini, nezizezona leNkampani ithe yakwazi ukufikelela kuzo. Kwelitheko iindwendwe zamkelwe ngezandla ezishushu nguSomlomo woMaspala waseSajonisi uCebisa Mazuza kunye noCeba wakwaWad 6 uMnu Mhlabeni.

Ezinkokheli zombini bezingawuvali umlomo kukubulela okwenziwe nguAvbob nesigqeba sakhe. “Siyibulela kakhulu lento siyenzelwe nguAvbob, lonto into enjena inqabile ingakumbi kwiiNkampani ezingenanto yakwenza noRhulumente” Thina siqhele ukubona uAvbob engcwaba, lena intsha kwaye inkulu” utshilo uSomlomo

Ukanti nababahlali bekunjalo, bonke bechwayitile benombulelo ngezipho abazifumeneyo. Umtu ngumtu ngabantu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks