Iphume ngebheyile indoda yaseKomani, ebityhutyhisa (invoice note) ngokumiswa ngxi kweenkonzo

Ubanjiwe umhlali waseKomani nokwalitshantliziyo elityholwa ngokumemelela ukumiswa ngxi kweentshukumo ngokupheleleyo kuledolophu.

UMncedisi Mbengo, okwalilungu leKomani Protest Action Group kuFacebook, ubanjwe kwiveki ephelileyo ngokophula umyalelo wenkundla owawumthintela ukuba aphembelele abantu ukuba bahlanganisane ngokungekho mthethweni. Ikhwelo likaMbengo lokuvalwa kwale dolophu liphuma kutyelelo lukaMongameli Cyril Ramaphosa eTsomo ngoLwesihlanu njengenxalenye yeMbizo kaMongameli. Uthethathethwano olucetyiweyo luya kubona uMongameli, ekunye naBaphathiswa besizwe, amaLungu eBhunga lesiGqeba sePhondo, ooSodolophu abaLawulayo, kunye noCeba boomasipala abohlukeneyo eMpuma Koloni bedibana ukuze bathethathethane, bamamele kwaye banike iimpendulo ngexesha lokwenyani kwimiba inkxalabo eluntwini.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi uMbengo ukhululwe ngebheyile kwaye uzakubuyela enkundleni ngoLwesihlanu. Uthi i Voice note kaMbengo ikhuthaza ukuvalwa ngokupheleleyo kunye nokuhlanganiswa kwabantu. UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Nomthetheleli Mene ubongoze uluntu lwaseKomani neendawo ezingqongileyo ukuba lungayihoyi le voice note. “Ukusasaza ulwazi olulahlekisayo kunye nobuxoki kunokuba nemiphumo. Ulwazi kufuneka luhlale luqinisekisiwe phambi kokwabelana ngalo ukuze kungabikho ukudideka, ukulimala kunye noloyiko olungeyomfuneko.

Injongo yethu kukuqinisekisa ukhuseleko loluntu, ngoko ke ndiyabongoza uluntu ukuba luxhomekeke kwimithombo echanekileyo kwaye luyeke ukuthatha inxaxheba nakuphi na ukuhlala kude,” utshilo. UMbengo naye ukhe wathetha kakhulu kuFacebook esabelana ngemiyalezo efanayo nabalandeli bakhe. Iphepha likaFacebook elibizwa ngokuba yiKomani Protest Action Group lasekwa ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyeKhala ka2023.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA