8 October 2022 kuzovalwa izitalato zaseMonti

Kuzoba manzi iisali kumsitho ozakube use Monti obizwa ngokuba yi Beats & Wheels, nezakuqala ngentsimbi yeshumi kusasa kude kuse tya phandle.

Lomnyhadala mkhulu uzakubanjelwa kwi Bala leBhola ekhatywayo I ABSA ngomhla wesibhozo(8) kwinyanga ka mOctober kulo nyaka umiyo.

Ngokuthenga kwakho amaTikiti uyakube uxhasa ekunyuseni ingxowa mali yabafundi bebanga leshumi elinesibini abangathathi ntweni nabangakwaziyo ukuzibhatalela izifundo zabo kwii Dyunivesity abazakuthi bangene kuzo.

Emini ngolusuku kuzakubakho umboniso wezithuthi zikanokutsho kunye nezinye iimpawu eziphezulu ezizakube ziboniswa kunye nendawo yokudlala yabantwana.

Konke oku kuzakube kulandelwa ngu mnyhadala womnculo ozakuqala ngentsimbi yesine emva kwemini, nalapho kuzakuboniswa iindidi ze talente zomnculo weli Lizwe nosuka kwii mvumi ezifana noo Kelly Khumalo, Makhadzi, Watershed, Jimmy Nevis, De Mtuda, Lebo Molax, Paxton, Zakwe, Aubrey Qwane, Dlala Regal, oo Qhubeka ushukuma dadewethu, Micayla, Dj Spin kunye nama Piano iGqom.

Kuzakube kumnandi kuxhelelw’exhukwana awukwazi ukuphoswa walala wasala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
75 %
2.2kmh
44 %
Fri
34 °
Sat
25 °
Sun
24 °
Mon
28 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA