Aninyulelwanga iziqu zenu okanye izikhundla zikaRhulumenteni koko ukuba zizicaka zabantu boMzantsi Afrika.

UMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaposa uthi liyothusa ifuthe lolawulo labucala koMaspala beli. UMongameli ebekuthetha oku kwingqungquthela yebhunga yooSodolophu nebibanjelwe eMonti ICC namhlanje nebiququzelelwa yiSALGA.

Uthi iinkqubo zohambiso leenkonzo ezingasebenziyo kakuhle azamkelekanga kwaphela kwaye zibangela ukuba kusilele ukuhanjiswa kwenkonzo zoluntu kodwa kuhlume iiNkampani zabucala.


Uthi konke oko makulungiswe, ekwathi injongo yalentlanganiso kukubonisa malunga nophuhliso lwezikhundla zorhulumento lwasekuhlaleni kwakunye nemigaqo-nkqubo kwanemithetho echaphazela orhulumente basekuhlaleni. Kumazwi acaphule kuwo, thethe ngelithi uMbutho olawulayo usengxakini kwaye uyagcadeka emafutheni ukuba amalungu alombutho awaphakami enze iinzame zokuzisa utshintsho.

Uhlabe ikhwelo kooSodolophu ngelithi ukuba abasebenzi ukuzisa iinkonzo eluntwini longo ihlaza uRhulumente. Ekwathi OMaspala banako ukusilela kwaye bayazazi apho baphazama khona. Ubalule izizathu zokunqongophala kwezakhono nokuphatha imali, ukrwaphilizo kwanokuxutha-xuthana okungaphakathi kwiiOfisi zikaMaspala.

OoMaspala banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu banako ukutya, imisebenzi ekhoyo iyasasazwa eluntwini kwaye kulungiswe neendlela zokuhamba.

KooSodophu ebakhumbuza ukuba izikhundla abakuzo bazinikwe kuba kumele bakhonze abantu boMzantsi Afrika kanye abo banyulelwe bona hai iziqu zabo.

 

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.6 ° C
16.6 °
16.6 °
93 %
0.3kmh
96 %
Mon
26 °
Tue
31 °
Wed
22 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA