Abahlali baseKwelerha bafunene inyhweba yokutyelelwa lisebe loPhuhliso loluNtu

UFanta ubatyityimbisele umwe abantu baseKwelerha!

Abahlali baseKwelerha bafunene inyhweba yokutyelelwa lisebe loPhuhliso loluNtu exhakazela zizipho. Utyelelo lulandela ukudlwengulwa komntu omdala onamashumi asibhozo eminyaka. UMphathiswa uBukiwe Fanta ebambisene neAction Development Agency benze umtsi omde emva kokuva ngesehlo esimasikizi. Umphathi weAction Development Agency, uMnu.

Samkelo Mlambo, uthe: “Sibabisene noMphathiswa wesebe loPhuhliso loluNtu siza kuqhubela phambili nokuphembelela iinkqubo zophuhliso ezinokunceda abantu bafunane uzinzo ekuhlaleni. Kwakhona sizimisele ukulwa nendlala kuxhamle nabantu bale ndawo.”

Umhlali waseKwelerha, uNtembeko Fihla, ngomnye wabantu abaxhamleyo kwizinto ebezize noMphathiswa. “Yinyhweba kuthi le yokutikelwa nguMphathiswa. Umntana wam ngomnye wabantu abafumene iingubo apha. Ndivuya kakhulu xa uThixo esinike ithuba lokuxhamla.

UMphathiswa khange athintithe okanye abethe ecaleni. Uye ngqo apho kufele khona ithole ngelithi abantu abadlala mabayeke ukutenxa endleleni futhi mababe ngumzekelo ebantwaneni abasakhulayo. UFanta uthe makwenziwe okulungileyo endaweni yezinto ezigwenxa eKwelerha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA