36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

ABAKANGCWATYWA ABANTWANA ABABETSHE NETYOTYOMBE EKRAAIFONTEIN:

Izolo umhla we(17 January 2022) sifumene imbalelwano nevela kuPetros Majola nongomnye wabo banombutho ongenanto yakwenza noRhulumente ukulwela amalungelo abantwana eMzantsi Afrika.

Kulembalelwano ucela malizo ngesibini(2) sabantwana abathe batsha ngumlilo kwityotyombe abebehlala kulo kwaye ukuzothi ga ngoku abakangcwatywa.

“Ndiyazithoba kuni nonke bethuna, ngakumbi kuni apho eNtshona Koloni, ndicela kuncedwe kungcwabeke ababantwana, yinkwenkwe ena5yrs ubudala nentombi ena 1yr 3 months ubudala abaye batsha babhubha ngexesha kwakusitsha ityotyombe abahlala kulo e Wallacedene e Kraaifontein.

Esisiganeko sehla nge 05th December kulonyaka siphuma kuwo ka 2021 kodwa abakangcwatywa nangoku.

Sicela abantu okanye umntu onokuzama ukuxhasa elikhaya kubekwe abantwana kwindawo yokuphumla afonele umama Mamtshawe ongu Thandiwe Manyongwana ku 078 985 9160.

Ndiyacela bethuna apho e WC nidlulisele nakwi inkokeli zamabandla ukuze nawo amakholwa ancedise.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks