17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

USEKELA SODOLOPHU E-BCM U-PRINCESS FAKU, EBESINGATHE INGQUBO KA NSFAS YOKUFAKA IZICELO NELUNGISELELWE ABANTU ABATSHA.

Abantu abatsha phantsi koMasipala iBuffalo City eMonti bebengumngcelele kwinkqubo eququzelelwe ngusekela sodolophu woMasipala uPrincess Fafu kwinkxaso mali kaNSFAS nephelelwa ngomhla wesixhenxe kulenyanga (7 January 2022).

Ukanti abantu abatsha nabafikelela kumakhulu khulu bathathe inxaxheba kweliphulo likaNSFAS ukuzama ukuguqula ubomi babo ngezifundo abazakuzifumana ukwakha ikamva labo , nokunciphisa inani labantu abatsha abahleli emakhaya bengenayo imfundo enomsila phantsi komaspala weBuffalo City.

Usekela sodolophu woMasipala i-Buffalo City uPrincess Faku kumazwi akhe okukhuthaza ulutsha kwintetha yakhe ethe qabavu ngeliphulo, uthi ngokuthi baliphakamele eliphulo ukuguqula ubomi bolutsha olukulomaspala umbaxa.

Omnye wabantu abatsha uthi unethemba lokuba uzakuba kwiqela elizakwamkeleka kwesi (scheme) sengxaso mali karhulumente uNSFAS nanjengoko ebengayazi ukuba uzokwenza njani kulonyaka nakubeni ebengazimiselanga kuhlala phantsi. Kusenjalo omnye wabantu abatsha uthi ulikroti kwaye ukhaliphe kakhulu kwisakhono sokuvelisa ngezandla zakhe , kwaye oku kuzakumkhuthaza ukuba aqhubele phambili.

Ukanti lenkqubo ngomso izakuqhuba eKing Willams Town eLovedale Tvet Collage kweli leMpuma Koloni, nezakuthi ivulele ithuba kubantu abatsha ukuba bathathe inxaxheba kweliphulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks