18.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Abanjwe ngentseni eCentral amadoda asolwa ngokuxhwila isithuthi

Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi yaseNew Brighton, eGqeberha namhlanje amadoda amathathu atyholwa ngokuxhwila imoto eJoe Slovo kula mmandla.

Othethela amapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthi malunga nemizuzu elishumi emva nje kwentsimbi yesibhozo kubusuku bangoLwesine umqhubi wemoto eluhlobo lweToyota Tazz, wayesothula umkhweli eJoe Slovo ngethuba kusiza amadoda amathathu kwisithuthi sakhe.

Aba barhanelwa bathathu baye baxhwila eso sithuthi baphela emehlweni naso. Umqhubi yena uye waya kuvula ityala kwisikhululo samapolisa saKwaDwesi.

UJanse Van Rensburg uthi esi sithathu sibanjwe ngamapolisa aseHumewood eAthol Fugard Terrance eCentral kwintsasa yangoLwesihlanu.

Abarhanelwa aba baphakathi kweminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesine ubudala, bajamelene netyala lokuxhwila imoto (car hijacking).

Ingxelo:Mncedi Mbombo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
32 %
2.2kmh
9 %
Wed
21 °
Thu
24 °
Fri
21 °
Sat
15 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks