By Nontando Ntsevu
Iingxelo zamapolisa zokuqala zibonakalisa ukuba amaxhoba aneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) kunye namashumi amabini anesithoba (29) ubudala, abhubhe emva kokudutyulwa izihlandlo ezininzi, ngelixa amanye amadoda amabini abalekiselwe esibhedlele ngenxa yokonzakala kwawo.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi amapolisa aphendule malunga neengxelo zokudubula kwabantu kwisitalato iNondyolo malunga nentsimbi yokuqala ekuseni.
“Ekufikeni kwabo, bafumene imizimba yabangasekhoyo inamanxeba amaninzi okudutyulwa. Ixhoba lesithathu lifunyenwe linenxeba lokudutyulwa emqolo, logama elesine lifunyenwe kwindawo evulekileyo ekufutshane linamanxeba okudutyulwa edolweni lasekhohlo nakumlenze ongasentla wasekhohlo.”
Uthi kukholeleka ukuba umfi ufike kwithaveni ekufutshane ngemoto iSilver VW Polo ngethuba begagana naba badubuli.
Aba batyholwa babaleke ngePolo.
“Uphando lokubulala kunye neenzame zokubulala luyaqhubeka,” utshilo uJanse van Rensburg.
Amapolisa abongoze nabani na onolwazi malunga noludubulo ukuba atsalele icandelo lolwaphulo-mthetho olunobundlobongela ephondweni ku-082-457-2812, iCrime Stop ku-08600-10111, okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

