15.6 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Abarhanelwa ababini bavele enkundleni emva kokuphangwa kwenkonzo yaseGqeberha.

Amapolisa aseGqeberha abambe abarhanelwa ababini ngezityholo zokungena enkonzweni yaseZwise eBuayi, ze baphanga abakhonzi izinto zabo, imali, iiselfowuni kunye neebhegi. Bobabini ababarhanelwa baneminyaka elishumi elinesixhenxe.

Njengoko iluxanduva lwenkonzo yesipolisa eMzantsi Afrika ukulwa nokuphanda ulwaphulo-mthetho, amapolisa asebenza ngokuzimisela ukuqinisekisa ukuba abo baphula umthetho basemva kwezitshixo.

Kutshone ilanga kuAmahle Netu noAbukwe Ntame ngethuba iqela laseNew Brighton Task linkqonkqoza emakhayeni abo libabambela emva kophando olunzulu lweli qela. Igqiza elijongene nabecuphi kunye namalungu othintelo lolwaphulo-mthetho balandele yonke ingcaciso abayiqokeleleyo baya kwikhaya lomrhanelwa bababambela ukuphanga kuxhotyiwe kunye nokuzama ukubulala.

Kuphando amapolisa afumanise ukuba omnye wabarhanelwa ungaphandle ngebheyile yasimahla emva kokuba ebanjelwe ukuba nompu ongenampepha-mvume kunye nemoto ebiweyo ngoJulayi ka-2024.

Aba babini bavele kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton ngoMvulo, 12/08. Bobabini bagcinwe eluvalelweni ukuze bavele kwakhona nge-20 ka-Agasti 2024 ukuze bafake isicelo sebheyile esisesikweni.

UMkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyazibulela iinzame zamapolisa okuqinisekisa ukuba bayabanjwa abo baphange icawa.

“Oku kuthumela umyalezo ongqingqwa kubenzi bobubi wokuba amapolisa anelisekile kukulwa ulwaphulo-mthetho, kwaye asiyi kuthi xhaa ekulweni ulwaphulo-mthetho nokuzisa abarhanelwa ematyaleni. Sizibophelele ngokuqinisekisa ukhuseleko lwabemi bethu, kwaye amapolisa azakusebenza emva kwemini eqinisekisa uluntu ukuba asizukushiya nto,” uvale ngalo mazwi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks