Uphando ngentlekele yendawo yentselo i-Enyobeni luyaqhuba.

Uphando malunga nokubhubha kwabantu abatsha abangamashumi amabini nanye (21) kwindawo yentselo yase-Enyobeni eScenery Park luza kuqhubeka namhlanje umhla we-13 kweyeThupha kwinkundla kamantyi yaseMonti, eMdantsane, eMpuma Koloni.

Indoda, uLuhlumelo Ulana, owayeqeshwe njengo-DJ ohlala kule ndawo yentselo, unike ubungqina ngoMvulo. Uthe babelindele abantu abangaphezulu kwekhulu (100) kuphela kodwa babaninzi abantu abafika kule ndawo.

U-Ulana uthe le ndawo yaye yagcwala ngokugqithisileyo njengokoba ubusuku buqhubeka.
Ungqinile ukuba ukhumbula ebona umnini wale ndawo , uSiyakhangela Ndevu, phambi kokuba kugcwale kulendawo.

U-Ulana uxelele inkundla ukuba ooDJ abebesonwabisa abaxhasi kwanyanzeleka ukuba bawucime umculo nanjengoko indimbane yabantu yayisiya ingalawuleki kuba kwakukho abantu abebengaphandle benyanzelisa ukungena ngaphakathi.

Uthi emva kwexesha wabona abantu bengekho zingqondweni, waya kuxela kuNdevu, kodwa akamfumana eofisini yakhe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA