Amapolisa ase-Avondale eMpuma Koloni abambe abarhanelwa abane (4) ngokunxulumene nokubulala ekuqaleni kwale nyanga.
Ngokwamapolisa, la madoda anxulunyaniswa nokubulawa kukaThabeleng Sello oneminyakaengamashumiamathathuenethoba (39) ubudala, umzimba wakhe owafunyanwa kwindawo evulekileyo kwilali yaseMparane , eMatatiele, unenxeba lokudutyulwa ngomhla wesisthandathu (6) kuCanzibe.
Isithethi samapolisa, uKapteni Majola Nkohli, uthe umsebenzi wophando olucokisekileyo owenziwe liqela lamapolisa anikwe eli tyala, kunye namalungu oluntu, kuquka nezakhiwo zokulwa nokubiwa kwemfuyo, kukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ngoLwesibini umhlaweshumi elinesithoba (19) kuCanzibe.
La madoda mane, aneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesine (24) wamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala, avela kwiindawo ezahlukeneyo eMatatiele.
UMajor General Nompumelelo Majikijela, uKhomishinala weSithili sase-Alfred Nzo, uncome amapolisa ngokufumanisa kwawo okugqwesileyo kunye nokuziphatha kwawo kakuhle emsebenzini.
“Inkonzo yesipolis isazimisele ekulweni nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini,” utshilo uMajikijela.
Abarhanelwa balindeleke ukuba bavele kwiNkundla kaMantyi yaseMatatiele ngoLwesithathu, ngetyala lokubulala.

