15.6 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Abasebenzi be-NMU behlisa izixhobo ngelufuna ukunyuselwa imivuzo

Abasebenzi beYunivesithi iNelson Mandela babeke phantsi izixhobo zokusebenza ngoMvulo kulandela ukungavisisani ngemivuzo nomqeshi wabo.

Abasebenzi abagwayimbileyo nabaphantsi kombutho iNational Education, Health, and Allied Workers Union (Nehawu) bebebuthelene ngaphandle kwesakhiwo esikhulu sale Yunivesithi bephethe iipowusta becula iingoma zomzabalazo.

Unobhala wesebe leNehawu uMzoxolo Tame uthe bafuna ukunyuselwa umvuzo nge-8% ngelixa beqaphela ukuba i-NMU iphumeze inyuso nge-6.9%.

Ukwathe bafuna eli ziko malinyuse isibonelelo sezindlu ukusuka kwiR1100 ukuya kwiR1500.

Ngokuphathelele kwimirhumo yoncedo lwezonyango, abaqhankqalazi bafuna ukuba umqeshi wabo akhuphe i-60% kuncedo lwezonyango ngelixa abasebenzi bekhupha i-40%.

“Siza kuqhubeka nokuqhankqalaza de iYunivesithi ibe nomdla wokumamela nokufezekisa iimfuno zethu,” utshilo uTame.

Isithethi sale yunivesithi uPrimarashni Gower uthi eli ziko lizibandakanya neNehawu, ngelizama ukuphelisa uqhankqalazo olungekho mthethweni.

“Ukwaleka, iYunivesithi ifuna isithintelo kwiNkundla yezemiSebenzi ukuba ithintele izenzo ezinje ukuba zenzeke ukuya phambili,” utshilo uGower.

Uqhankqalazo lweNehawu lulandele iintsuku ezine zokucholwa kwemibutho yabafundi kwiveki ephelileyo.

I-NMU iye yafumana ngempumelelo isithintelo esichasene nemibutho yabafundi, esibathintelayo ekubeni baqhankqalaze kunye namanyathelo ogwayimbo kumabala ekhampasi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
90 %
1.9kmh
100 %
Wed
25 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
21 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks