20.7 C
King William's Town
Thursday, February 13, 2025

Kulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile kwiveki ezayo owasetyhini owantumeka ngomlilo ibhasi

Inkosikazi ekutyholwa ukuba yatshisa ibhasi yakwa Eagle Liner eGqeberha ekuqaleni kwale nyanga kulindeleke ukuba ifake isicelo sebheyile kwiveki ezayo.

UYamkela Mahobe (24) ubanjwe kuGatyane kwiveki ephelileyo emva kwesehlo esenzeke ngomhla wesibini kuNovemba kwisikhululo sebhasi eCape Road eNewton Park.

Eli bhinqa liselula livele ngokufutshane kwinkundla kamantyi yasekuhlaleni ngoLwesibini kwaye lo mba ubuyiselwe ngoMvulo ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.

Ujongene netyala lokonakalisa ngenkohlakalo impahla.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu, umonakalo wale bhasi uqikelelwa kwi-R3.2 yezigidi zeerandi.

Kukholeleka ukuba esi sehlo siphenjelelwe kukungavisisani nenkampani yebhasi kubangwa iselula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.7 ° C
20.7 °
20.7 °
81 %
3.2kmh
100 %
Thu
20 °
Fri
28 °
Sat
29 °
Sun
32 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks