Abazali besikolo samabanga aphantsi eGubenxa ngaphandle kwase-Ugie eMpuma Koloni, bathi isebe lezemfundo alizihoyanga iimfuno zabo emva kokuba esi sikolo sithe satsha kwiiveki ezintathu ezidlulileyo.
Abazali bathi amagosa eza kuzohlola umonakalo kwaye athi kuya kubonelelwa ngamagumbi okufundela. Ayikenzeki le nto kwaye sele kuthiwe mabathathe abantwana babo baye kwezinye izikolo.
USihlalo weBhodi yeSigqeba seSikolo (SGB), uGibson Kapa, uthi baxhalabile ngumgama abawuhambayo abantwana babo xa besiya esikolweni. Ezona zikolo zikufutshane zimalunga neyure enesiqingatha ukusuka kwilali yabo.
Uphawule ngelithi, akukho nto bangayenzanga ukuba iSebe libancedise, kodwa kude kube namhlanje akukho nto yenzekileyo. Isikolo siye satsha kwaye akukhange sifumane ncedo. Omnye umceli mngeni wesi sikolo kukuba sikude kwezinye izikolo, sisikolo esizimele sodwa. Omnye umcelimngeni yindlela, abantwana bahamba imigama emide, akukho nezindlu zangasese, kwaye ootitshala nabafundi basebenzisa le mithi ukuzikhulula. Akukho namanzi apha.
ISithethi seSebe leMfundo uVuyiseka Mboxela ubalule iingxaki zemali njengesizathu sokungaboneleli ngezinto zokwakwakha zethutyana esikolweni. UMboxela uthi bahlaba ikhwelo kubazali ukuba bathobele ukufuduswa kwabafundi.
“Ukuba uMlawuli weSithili saseJoe Gqabi uGqr Mceleli ucebisa ukuba abafundi beso sikolo sithile mabafudukele kwesinye isikolo, abazali mabavumelane noko ukuze isebe likwazi ukusebenzisana neSebe lezoThutho lijonge umba wezothutho lwabafundi. Kaloku phakathi kwezi zimbini sinokukhetha kuzo, eyona ilula kakhulu kukufudusa abafundi ukusuka kwesinye isikolo basiwe kwesinye kuze kujongwe isibonelelo sezothutho esikolweni.”