Abazali babantwana besikolo eDikeni banexhala kukulibaziseka ixesha elide lweprojekthi karhulumente exabisa amashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R50 million) yokwakhiwa ngokutsha kwesakhiwo sesikolo sabo esidilikayo.
Esi sikolo sihlala abantwana abangaphaya kwamakhulu amahlanu kwaye bonke bagodusiwe ngolwesithathu weveki ephelileyo (03) kuTshazimpunzi 2024, ngenxa yeenkxalabo zokhuseleko. Abazali bathi abasakwazi ukuvumela abantwana babo bafundele kwindawo engakhuselekanga.
Iqela labazali, iinkokeli zabahlali kunye nabahlali abaqhelekileyo bebedibene ngaphandle kwesikolo. Benethemba lokufumana iimpendulo kwiSebe lezeMfundo nakwabanye abathathi-nxaxheba ababandakanyekayo kwiprojekthi yamashumi amahlanu ezigidi zeerandi (R50 million) yokudilizwa nokwakhiwa ngokutsha kwesakhiwo sesikolo esinemigangatho emibini esiwohlokayo kwaye sinemingxuma ebonakalayo.
Ukusukela ngonyaka ka-2015, abahlali bathe gqolo ethembeni lokuba siza kubuyiselwa esi sikolo ukuze abantwana babo bafundele kwindawo efanelekileyo nekhuselekileyo.
Nanje ngoko kunjalo, ukulibaziseka ixesha elide, ekubonakala ukuba kwenziwa ziingxaki phakathi kwe-arhente yophumezo yeSebe leMfundo kunye nekontraki eyikhethileyo, kushiye uluntu lwale ndawo lukhathazekile.
Igosa leSebe lezeMfundo, ebeliseDikeni ngoLwesihlanu, nalo liyingqinile ingozi enokubakho kwisakhiwo sesikolo ebantwaneni.
“Siyabona ukuba isikolo siyingozi kakhulu ebantwaneni,” utshilo uMbuyiselo Mayase ongumhloli weSekethe 1, kwisithili sase-Sarah Baartman.
UMayase ukwangqinile ukuba iprojekthi yezigidi zerandi yokudilizwa ze kwakhiwe ngokutsha isakhiwo sesikolo iqalwe lisebe.
Ngokutsho kwabahlali baseDikeni, kwakungonyaka ka-2015 ngexesha le projekthi yaziswa okokuqala kubo. Nangona kunjalo, malunga neminyaka elsihumi (10) kamva, akuzange kwenziwe msebenzi. Abahlali bathe ukuphela kwento eyenzeka kule ndawo kutsha nje ibe liqela labantu abakhuphela izitya ezimbalwa zokugcina.
UMayase uvumile ukuba lo msebenzi waleprojekthi mawuqhubeke. Uthe isebe, ngokwecandelo lalo leziseko zophuhliso, lisibeke esi sikolo kuluhlu oluphambili lwezikolo eziza kwakhiwa kunyaka-mali ka-2023/24. Uthe isebe likwanxunguphele kukungabikho nkqubela phambili.
NgoLwesibini, umhla wesithoba (09) kuTshazimpunzi, uluntu lwaseDikeni kulindeleke ukuba ludibane nabo bachaphazelekayo ukuze bafumane iindawo abavumelana kuyo kunye nomkhomba ndlela oya phambili.
Abazali bangqinelene ukuba abantwana babo abasayi kubuyela esikolweni de babone unokontraka eqalisa umsebenzi.
Oku kwenzeka nangona uMayase wayezama ukucenga ukuba asiqwalasele kwakhona isigqibo sabo ukuze kuxhamle abafundi.
“Masingalwi ngendlela yokuba kubekho ifuthe elibi ebantwaneni. Masiphinde sisiqwalasele isigqibo silinde intlanganiso yangoLwesibini.”
UMayase uthe ngemini nje enye umntui engekho esikolweni kwanele ukubuyisela ootitshala nabafundi emva, ingakumbi abafundi bebanga leshumi, abazibeka emngciphekweni wokushiywa lixesha.
Uthe abafundi baphoswa ngamathuba abalulekileyo ezifundo zangokuhlwa nakusasa. Uthembise ngokunika ingxelo yolibaziseko lweprojekthi kundlunkulu wesebe “ukuze bafake uxinzelelo”.
Kodwa abazali bengafuni nokuva.
“Kuthathe ixesha elide kakhulu ukuba iqalise leprojekthi. Sithatha abantwana bethu kude nengozi ezitalatweni, kodwa ngoku kubonakala ngathi kukho ingozi ngaphakathi esikolweni. Okwangoku, ndizakubagcina abantwana bam ababini ekhaya, de kube isikolo sikhuselekile,” ukhwaze watsho omnye umzali.
Aba bazali bathi baza kusiqwalasela kwakhona isigqibo sabo phantsi komqathango wokuba isakhiwo esichaphazelekayo sibiyelwe ngocingo ukuze abafundi bangafikeleli kuso.
By Siyakholwa Vuso