Aba batyholwa babini bajongene netyala lokubhubha kwabantwana abancinci abangamashumi amabini-nanye (21), ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyeSilimela 2022, apho abantwana babebhiyozela ukuhlamba iphepha Enyobeni Tavern.
Ezi ntsana zasweleka Enyobeni, kutyholwa kwaye kurhanelwa ukuba barhaxwa yirhuluwa ngexesha bejuxuza, besela utywala, bevuyela ukugqiba iimviwo zesebusika zekota yesibini.
Namhlanje kuvele ingxelo ethi esi sibini besingenalwazi ukuba sizakuvela kwinkundla kaMantyi, eMdantsane.
Ngokwezicwangciso, bebelindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eMdantsane emveni kokuba laye lasuswa elityala kwidolophu yaseMonti.
Usuku olutsha olubekiweyo ukuze esi sibini sivele kwakhona enkundleni kamantyi, ngumhla weshumi (10) kuCanzibe 2024.
Siyakholwa Vuso

